Masikhenkethe: Sijikeleza iMpuma Koloni

Kule nyanga, abakhenkethi abaphuma nkalwana zonke zobomi, baye bathi bhazalala kwiikona neentili zeli loMzantsi Afrika ngelibuka indalo kananjalo bekwafunda nangeendawo eziyimbali kwilizwe lethu.

Nalapha kwiphondo leMpuma Koloni – sikwazingca ngeendawo ngeendawo ezintle nezikwane mbali eteke-teke.
Ilokishi yaseGinsberg ekwidolophana yaseQonce, yenye yeendawo ezihlonitshwayo xa kuthethwa ngezokhenketho, amagugu namafa. Kaloku le lokishi likhaya legqala elalikhuthaza ukuzingca ngebala elimnyama (Black Consciousness) uStephen ”Steve” Bantu Biko.

Igama likaBiko, lelinye lamagama asahlonitshwa kunanamhla oku luninzi lwabantu, ingakumbi abantu baseGinsberg.

USteve Biko, wayengomnye wabantu abatsha ababe ngamatsha-ntliziyo ayenyuvulela ingcinezelo ngeminyaka yoo-1960 / 70.
Kanye kule nyanga, ngonyaka ka1977, elitshantliziyo laba ngumzekelo wenkohlakalo yalo maxesha ngethuba lisiba lidini, lingcungcuthekiswa ngamapolisa okhuseleko, laze latshabela kwintolongo yasePitoli liminyaka ingama-30 kuphela lizelwe.

Iziko iSteve Biko Centre, nelimi kwisitalato iZotshie kwilokishi yaseGinsberg, kulapho udibana nembali kaBiko ecacileyo.
Kweli ziko, kukho iindawo ezifana namaqonga okudlala imidlalo yeqonga, amathala weencwadi kwakunye nokuninzi okufundisa ngembali kaBiko, usapho lwakhe, imisebenzi yakhe yokunceda uluntu, ukuzabalaza kwakhe kwakunye nokutshaba kwakhe.

Olu hambo luthe chu lawela iNciba!

Xa kuncokolwa ngeendawo ezifana neMvezo, Mqhekezweni neQunu kuye kuthi qatha igqala lomzabalazo wenkululeko uTat’ uNelson Rolihlahla Mandela.

Ngenyanga yoMsintsi, neyinyanga yokhenketho kunye nenyanga yamagugu namafa, ngokwenene igama likaMadib’ omde libaphakathi kwamagama abalulwayo ngenxa yembali yakhe ingakumbi kwiphondo leMpuma Koloni.

Kodwa phambi kokuba ugaleleke kwenye yezondawo, imbali kaMadiba uyibaliselwa naxa udlula kwibhulorho yaseKei Bridge, kaloku nathi kulapho sikhe samisa khona kusuku lwethu lwesibini lokhenketho.

Kule bhulorho kulapho uMandela wayewela khona ngethuba endwendwela kumaphondo afana naseRhawutini, ikwayi bhulorho awathubeleza kuyo ngethuba ebalekela kwelase Rhawutini ukusuka eMqhekezweni. I-Old Kei Bridge, yayingawelwa ngaphandle kweempepha-mvume ngamaxesha olawulo karhulumente wegcuntswana.

IMvezo likhaya likaMadib’ omde, kule lali kulapho inkaba yakhe ilele khona. Xa ujolise imibombo eMvezo, ukhawulelwa ngumzi olipomakazi kaNkosi Zwelivelile Mandla Mandela.

Ukusuka apho indlela igqithe eBumbane kwibhotwe lobuKumkani babaThembu, kodwa bekukhala ibhungane, kuvalwe ngeqhaga elikhulu.

IQunu likhaya likaMadiba, ikhaya lakhe lisecaleni kohola wendlela osingise kwidolophu yaseMthatha, kule lali wakhulela kuyo uNgqolomsila, kukwakho ingcwaba lakhe kuquka neNelson Mandela Museum esecaleni kwesikolo iQunu Primary, nesisikolo awaqala kuso ukufunda uMandela.

KwiNelson Mandela Museum udibana nembali engeli qhawe lomntu wonke, kwakhona kukwakho nelitye ( sliding stone ) nalapho uMandela wayedla ngokudlala khona xa oluse imfuyo yakokwabo.

Ngokutsho kukaVelile Ndlumbini, ojongene neenkqubo zeIMonti Tours, uthi oomasipala bayasilela ukudlala indima ephucukileyo kukhenketho nasekugqamiseni amafa kwiphondo leMpuma Koloni ingakumbi kwindawo yaseQunu.

“UMasipala uyasilela ekuphuculeni ukhenketho kwindawo yaseQunu, ulutsha lwala ndawo luhleli alufumani mathuba emisebenzi.

“Abantu abandwendwela eQunu ingakumbi abo bangazange balibone ikhaya likaMadiba babuya besithi abalazi. Akukho nto yenziwayo eQunu, akukho nto ubani xa etyelele khona abuye eqhayisa ngayo,” ukhale ngelo uNdlumbini.

Uthi umasipala wase-O.R.Tambo kufanele uqeqeshe abantu abatsha, benze nokuba zizikipa ezinobuso bukaMandela, nto leyo izakwenza ingeniso yemali kula ndawo.

UNdlumbini uthi besandul’ ukubuza kubakhenkethi baseHolane (Holland) ukuba balibonile kwisini na ikhaya likaMandela, bayibonile na iQunu? Uthi baphendule ngelithi ” akhange balibone.”

Khange sikwazi ukungena eNelson Mandela Museum esedolophini eMthatha, ngenxa yemisadulo

Utyelelo lwethu kwindawo yaseSteve Biko Centre eQonce naseMthatha, biliphulo lwe-arhente yezokhenketho kwiMpuma Koloni (Eastern Cape Parks and Tourism Agency), iqela beliyinxalenye yolu khenketho beliquka oosomashishini becandelo lezokhenketho.

UManejala wezorhwebo nemiboniso e-ECPTA uSusan Wilson uthi bameme oosomashishini ukuze babone abanokuphosa etasini yezokhenketho.

“Ukuze sigcine ukhenketho luphefumla kwaye luchulumancisa, kufanele size neendlela ezinobuchule zokutsala abakhenkethi nyaka nonyaka.”

Olu khenketho luqukunjelwe e-East London Museum nalapho kugcinwe khona iCoelecanth (uhlobo oluthile lwentlanzi) eyabhaqwa ngonyaka ka1938.

Umxholo wenyanga yokhenketho yalo nyaka uthi: Tourism For All – Promoting Universal Accessibility.