Masikhuseleke kweli xesha lonyaka

Amanyathelo alishumi elinesibini okuba neholide esempilweni nekhuselekileyo:

Qaqambisa iholide yakho ngokwenza impilo nokhuseleko lwakho into ephambili.

Thabatha amanyathelo okugcina wena nabo ubathandayo bekhuselekile-kwaye wonwabele iiholide zakho.

1. HLAMBA IZANDLA RHOQO UKUPHEPHA UKWANDA KWEENTSHOLONGWANE: Lixesha lomkhuhlane. Hlamba izandla zakho ngesepha nangamanzi acocekileyo imizuzwana engamashumi amabini ubuncinane.

2. LAWULA UXINZELELO: Thabatha ikhefu xa uziva uphakathi koxinzelelo, udiniwe okanye ungakwazi kuzilawula kakuhle. Ezinye iindlela zokulawula uxinzelelo kukufumana inkxaso, unxulumano ngokwentlalo, kwaye ufumane ixesha lokulala eloneleyo.

3. SUKUQHUBA USELE okanye UYEKE ABANYE BAQHUBE BESELE: Xa ubani eqhuba esele, babeka wonke umntu osendleleni emngciphekweni wokugaxeleka engozini. Khetha ukungaseli uze uqhube kwaye uncede nabanye benze kanjalo.

4. ZIGCINE WOMILE KWAYE UFUDUMELE: Nxiba iimpahla zokuphumela phandle: eziphole kamnandi kwaye ezifudumeleyo ngamanye amaxesha.

5. BALEKA UKUTSHAYA: Musa ukutshaya nokutshayiswa. Abantu abatshayayo basemngciphekweni omkhulu ngenxa yokusebenzisa icuba, kodwa nabo bangatshayiyo basemngciphekweni xa bekufutshane nabo batshayayo.

6. FAKA IIBHANTI XA UKHWELE OKANYE UQHUBA ISITHUTHI: Hlala uwafaka amabhanti abantwana bakho xa besesithuthini usebenzisa isitulo sokhuseleko somntwana, izitulo zabo ngokuhambelana nobude, ubunzima, okanye ubudala. Faka ibhanti ngaxesha lonke , nokuba uhambo olo lufutshane kangakanani na kwaye bakhuthaze nabanye benze njalo.

7. YENZA UXILONGO NOHLOLO: Buza kunompilo wakho ukuba mvavanyo zini na ongazidinga.

8. ZIGONYISE: Ugonyo lunceda ukukhusela izifo lusindise ubomi. Wonke ubani kufuneka afumane isigonyo rhoqo ngonyaka.

9. YIBA LILISO EBANTWANENI: Izinto zokudlala zabantwana eziyingozi, ukutya, iziselo, izinto ezithile zasekhaya nezinye mazigcinwe kude ebantwaneni. Bakhusele ekurhaxweni, ekutsheni, ekuweni nakwezinye iindidi zeengozi.

10. UKHUSELEKO LOMLILO: Makungashiywa imililo ivutha. Izifudumezi ngamaxesha okubanda, izitovu xa siphekile kunye namakhandlela angacinywanga. Yiba nesicwangciso esingxamisekileyo kwaye usilinge rhoqo.

11. LUNGISA UKUTYA: Khumbula la manyathelo abalulekileyo: Hlamba izandla nezinye izinto rhoqo, lubaleke ungcoliseko, ukutya makuphekisiswe kwaye kugcinwe kwisikhenkcezisi.