Masilungiseni ukuhlala, lonakele ilizwe

Kukho intetho ethi “linda ude uve ezinye iingxaki zabanye abantu” ukuze wazi nyhani ukuba usengxakini kusini na okanye usekwingxingongo nje edlulayo. Akulula ukuwetyisa okanye ukuwathemba la mazwi xa sele usazibona usesengxakini.

Thina bantu basezindabeni, abadibana nezigigaba umhla nezolo, siyakwazi oku.

Thatha umzekelo kwibali elikwiphepha lokuqala kwesi siqendu. Intwazana ekhulelweyo, nethengisa ngomzimba. Le ntwazana ihlala ehlathini ngaseQuigney eMonti. Indoda eyamkhulelisayo iyamnika imvume yokuba ayokuthengisa ngomzimba ukuze bafumane imali.

Xa uyijonga le meko ufumanisa ukuba yinto engaphaya kwengxaki. Kunzima ukucinga ukuba lowo ukwingxaki enje ujamelana njani nemeko enje. Kodwa inyaniso yeyokuba le yindlela uninzi kweli loMzantsi Afrika elijongene nayo. Asisatsho ngengxaki ejongene nale ntwazana kuphela, le yokuthengisa ngomzimba, koko nezinye iingxaki ezijongene noluntu ngokohlukana kwazo.

Eyokuba ezi ngxaki zidalwe yintoni okanye ngubani, esingamgxeka ngenxa yazo, lowo umba singabe siwubekela ecaleni okwangoku.

Inyaniso emsulwa kukuba uluntu loMzantsi Afrika luntyumpantyumpeka kwiingxaki ezibangela ukuba kubenzima ukuqhuba nobomi obuqhelekileyo. Abantu bajongana neengxaki ezinkulu kakhulu, into eye ibangele ukuba benze izinto ezingaqhelekanga nezingalindelekanga emntwini kuba befuna ukuphila okanye ukudlula kwezo nzingo.

Oku ke kusibuyisela umva kumbuzo wokuba ingaba sililizwe senza okwaneleyo na ukuphuhlisa intlalo yoluntu? Zithini iinkonzo ngeemeko ezinje? Zithini iinkosi? Bathini oosomashishini? Bathini abezopolitiko? Uthini urhulumente?

Ngekhe sithi sisisizwe esikhululekileyo xa kusekho iingxaki ezifana nale yale ntwazana ethengisa ngomzimba kodwa ikhulelwe. Masilungiseni ukuhlala ukuze kulunge intlalo yethu sisonke.