Masimanyane, siyeke ukulahlekisana ngekhorona

UMzantsi Afrika lilizwe elinembali ekrakra yongquzulwano phakathi kwamajoni, amapolisa kunye nabahlali. Sililizwe, ngenxa yembali yethu, ebelisebenzisa ukunyevulela njengesixhobo sokunganiki mandla kwinkqubo emisiweyo (yengcinezelo).

Ewe ndiyavuma amapolisa namajoni, kumaxesha amaninzi, awasebenzise gwenxa amandla anawo. Masikhumbule ukuba uqeqesho olwalusenziwa (ngelo xesha) alukatshintshi kwelo lengcinezelo, ngoko ke abakulungelanga ukuqubisana noMzantsi Afrika okhululekileyo, nekuyeyona nto exhalabisayo. Ndiyathemba ukuba ithathelwa ingqalelo le into.

Apho ndiza khona kulapha. Kweli thuba lokunqunyanyiswa kweentshukumo kwilizwe nguRhulumente kukho ukubethana kwezimvo. Abanye abantu abafuni ukulandela imiqathango ebekiweyo nguRhulumente. Balilisela ngamalungelo, belibala ukuba ilungelo ngalinye linoxanduva lwalo.

Kukho imifanekiso ethe ndi kula makhasi onxibelelwano yemicimbi echithwayo. Abantu abakhutshwa ezinkonzweni. Abantu abajikiswayo ezindleleni. Amabhoma atshiswayo.

URhulumente wayikhupha imiqathango wasicela singabemi belizwe ukuba sinqumamise konke ebesikucebile ukuze sincedisane ekunqandeni kokunwenwa kwale ntsholongwane. Abantu baphikisana noko benza imicimbi. Bayatshata, bazula esithubeni, bayoluka okanye bayolusa. Abantu bavunyelwe ukuba bangaqhubeka nemingcwabo, kodwa ezinye mazinqunyanyiswe.

Masikhumbule ukuba intsha kuthi sonke le nto. Izigqibo ezithathwayo zizigqibo ezincedisana kunye nathi nempilo yethu.

Masiyekeni ukusebenzisa isiko okanye isithethe, inkolo, ubuntu kunye nentsokolo xa sithethelela ukungaphulaphuli kwabantu. Abantu bayamosha. Amapolisa alandela umyalelo. Ukuba siza kusoloko sigade iziphene kwindlela enza ngayo izinto siza kufa.

Ukuyiqukumbela, nina ke abazimela ngesiko, mandithi: 1. Isiko liyathethelwa 2. Isiko liyangxengxezelwa 3. Isiko liyahlonitshwa.

Xa ke kunjalo, yindelelo kubo nokungamameli ebantwini into yokwenza imicimbi nangona kuthethwa umhla nezolo ukuba mazinqunyanyiswe. Abantu basezilalini bayathanda ukucinga ukuba umthetho awubachaphazeli okanye bona basisizwe esizimeleyo. Eyokuba abanalwazi, ngamampunge lawo. Ulwazi malunga nemali yenkamnkam baluva njani ke?

KwaXhosa akukho nto inyanzeliswayo. Nazo ke iziphumo zeenkani zabo. Yekani amapolisa enze umsebenzi wawo. Ayiselilo isiko xa niza kulenza ningazinzanga. Xa nilenza nibhekabheka amapolisa. Akho kwazinyanya eziza kujikela la mapolisa. Masimanyane ukulwa ukunwenwa kwale ntsholongwane, siyeke ukulahlekisana.