‘Masinqande ukubhubha kwabakhwetha’

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uPhumulo Masualle uthi uxhalabile kukufika kwexesha lokwalusa abantwana kweli phondo nanjengoko oku kuye kukhatshwe yintlonti yokuphathwa kakubi kwabakhwetha nto leyo eye ikhokelele ekubhubheni kwabo.

Lo kaMasualle uthi nangona kunjalo urhulumente wakhe uzakuqhubeka ukuxhasa amalinge okulwa ingxaki ezibangela ukubhubha kwabantwana esuthwini.

“Ndicela ngokungazenzisiyo kubazali ukuba bathabathe uxanduva ngokuqinisekisa ukuba abantwana bayakhuseleka, kuba xa abazali benokuqinisekisa ukuba abantwana balandela imithetho emisiweyo ukubhubha kwabakhwetha kunganqandeka,” ucacise watsho uMasualle.

Ngamashumi amane anesibini abakhwetha abathe babhubha kweyoMnga nyakenye kweli leMpuma Koloni, logama bengamakhulu amathathu bathi bahlangulwa bethunyelwa kwindawo zokhuseleko.

Le nkulumbuso ithi abantu banegunya lokukhangela amanye amacebo okuzama ukukhusela abantwana ukuba bangabhubhi esuthwini.

“Inkqubo yasesibhedlele yenye ekhuselekileyo, abantu abanokuyisebenzisa ukuze baqinisekise ukuba abantwana babuya bephilile,” uthethe watsho uMasualle. Iinkosi zesizwe samaMpondo eLambasi eLusikisiki zithi zikulungele ukwenza konke ezinako ukukwenzela ukunqanda ukubhubha kwabakhwethwa kweli xesha lokwalusa lasebusika.

UNkosi Mfaniswa Majuba wesizwe samaKhwetshube emaMpondweni uthi bazilungiselele ukulwa ingxaki yokubhubha kwabakhwetha. “Sizakubiza zonke iinkosi zale nqila sikuyo ukuba zize kusicacisela ngamalungiselelo azo okulwa ingxaki zokubhubha kwabantwana esuthwini,” utsho uMajuba.

Ingxelo yesebe lentsebenziswano nemicimbi yemveli kweli phondo ithi ngabantwana abangamashumi amabini abathe baphulukana nobudoda babo ngenxa yeengxaki zasesuthwini.

Othethe egameni lelisebe uMamnkeli Ngam uthi elinani aliqinisekiswanga.

“Bakhona abangaxelwayo ukuba baphulukene nobudoda esuthwini kuba besoyikisela ukuhlekwa nokuphathwa kakubi ngabanye,” uthethe oko uNgam.

UNkosi Nkosithandile Jiba uthi bayazazi ingxaki ezibangela ukufa kwabantwana emaMpondweni.

“Into entsha kuza amadoda azokucela amaphepha okwaluka kuthi kanti oluka kudala, qha acelele ababantwana boluswa bebancinci, kodwa siyibhaqile lo nto,” utshilo uJiba.