
IMASIVUYISANE Cultural
Ensemble yasungulwa ngo-2009 nguSimphiwe Mba,
ongumdanisi ophum’ izandla nowaphumelela imbhasa yeBest Choreographer go-2010 kwakunye neyeMacufe
eBloemfontein.
Umsebenzi weMasivuyisane
Cultural Ensemble kukuqeqesha abantwana abanezakhono, emculweni, iimbongi kunye
nemidlalo yeqonga ukusukela kumabanga asisiseko, ukuya kuGrade-12.
UMba uwenza lo msebenzi
ngenkxasomali ayifumana koosomashishini abafana noZola
Nogaya wegaraji yakwaCaltex eseNU-15 eMdantsane, uMnu Danisa weMicano Bottle Store,
iLay Back Trading nevenkile yakwaBoxer, nakumasipala iBuffalo City.
“Wonke umntu unaso isakhono
kwezobugcisa, ukuba uthe wayekelelwa ebuncinaneni uye aphulukane naso eso
siphiwo. Ukanti ukugxila ekubafundiseni besebancinane abantwana, kuye kumenze
umntu abenomqolo namandla okuqhubekeka nesiphiwo eso anaso,” utshilo uMba.
Badele izikhukula
zemvula abazali nabantwana baseNU-15 eMdantsane, bazalisa iholo yoluntu, bezokubuka inkxaso kwabo bebethatha inxaxheba. Imidlalo yeqonga iyondlale ngobunjalo bayo imeko nentlalo
yesizwe esintsundu, ezilalini nasezilokishini.
Ibifundisa ngokubaluleka
kosapho, imikhuba yokuthwala intombi, iziphumo zokungaziphathi kakuhle,
ubuchule bamagqwirha ekuxabaniseni abantu ngobugqi. “Ixesha elininzi kuye
kubulawe abantu abangenzanga nto, betyholwa ngokuthakatha. Ukanti ngobugqi, amagqwirha
ayakwazi ukuyosulela kumntu ongenatyala into embi abathe bayenza emntwini,”
utshilo uSinokhanyo Maqoka, obedlala indawo kaNongangengazalwanga oligqwirha. UMaqoka
one -13 yeminyaka ubudala, ungumfundi kwisikolo iDalukukhanya
Senior Primary.
UVathiswa Jonasi nomyeni wakhe uPhakamisa ngabanye babazali ebebekulo mnyhadala. “Abazali
bambalwa apha, bekungafanelekanga ukuba kunjalo, bekufuneka bakhona ukuze
bazokuzibonela izakhono zabantwana babo, babaxhase kule nto sele benayo
endawena yokufuna ukuba babezizinto ababacingela ukuba zingabafanela,” uTshilo uVathiswa.
Zihlanu izikolo eziphumeleleyo kwezilishumi ebezithatha inxaxheba. Izikolo zamabanga aphezulu eziphumeleleyo yiJF Mati, iSikhulule, iDalukhanya, iSiyavuyisa, kanti ezamabanga aphantsi yiSiyavuyisa kunye neNontsikelelo. Izikolo eziphumeleleyo ziza kuqubisana
nezikolo zaseNgcobo kwinyanga yoMnga.
ekuqaleni konyaka isungulwe ngowayefunda eDurban uKimberley Khanya Ntloko.
USimphiwe Mba ngumzekelo
omhle kakhulu, eneni kuthatha umzobi ukubona umzobi, negqirha ukubona nokuhlahl’
indlela kumnt’ omhlophe. Ukuba iilali neelokishi
zingazaliswa ngabantu abafana naye kunganqaba abantu abathi, ndiphangela kuba
ndibhatalwa ngempela nyanga bekumele ukuba mna ndiyacula, okanye ndingunondaba.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?