Masiyilwe intlonti yodlwengulo

Masikhe sithi nqumama sicinge ngenkxaso ephathekayo esingayinika abafundi, abahlohli, kunye nabasebenzi baseRhodes University xa bebuthelene esithebeni seengxoxo malunga nokungenziwa kubanjiswene ukulwa nentlonti yodlwengulo ethathe unyawo kwelaa ziko mfundo.

Iingxoxo ezichotshelweyo zilandela uqhanqalazo lwabafundi oluqale kwiveki ephelileyo emva kokupapashwa kwamagama abalishumi elinambini abatyholwa ngokudlwengula abafundi.

Ingxaki yokwanda kokudlwengulwa kwabasetyhini igubungele uninzi lwamaziko ezemfundo kweli lizwe, ingakumbi iWalter Sisulu University of Technology kunye neFort Hare University nekungafane kubhalwe ngazo emaphephandabeni. Ngoko ke kubalulekile okokuba kubanjiswane ukufumana isisombululo nesinganceda kwimeko egubungele eRhodes University ngohlobo olungangumzekelo nakwamanye amaziko emfundo.

Imibono yabafundi ababhinqileyo abazityanda igila kwesi sithebe seengxoxo netsho kusike inimba ngaphakathi ezibilinini bekhalazela into abayibiza njengenkohlakalo yokungakhuselwa kwamaxhoba sisikolo kunye namapolisa omthetho nekhokelele kukuba izidlwengu zidakase ngokungenaxhala.

Kukwakho nenkxalabo ebangelwa zizityholo zodlwengulo ezingenabunyani ezisuka kumantombazana akha izabatha nezikhokelela ekuxhatshazweni kwabatyholwa abangenatyala. Kungoko kubalulekile ukuba siqhwatyelwe izandla isivumelwano phakathi kwamaqela achaphazelekayo kweli ziko sokokuba amaxhoba odlwengulo mawafake izimangalo emapoliseni kuqala ukuze ingalo yomthetho kunye nemithetho yesikolo yezoluleko zidlale indima yazo.

Kungenziwa njani ukuze amaxhoba afumane inkxaso ngeli xesha kusaphandwa izityholo ngohlobo olunganyatheleli phantsi amalungelo abatyholwa abangenatyala?

Kukho amaxhoba odlwengulo abona kuyeyona nto ibalulekileyo ukuzityanda igila ukuze acikide intlungu engaphakathi engajonganga ukuba ingalo yomthetho igwebe abenzi bentlonti. Amaxesha amaninzi oku kubangelwa kukulahlekelwa lithemba malunga nokufumana ubulungisa bezomthetho.

Ngakwicala lezomthetho, iingcali ezinamava zisazama indlela enobuchule engasetyenziswa ukwenza amaxhoba odlwengulo akwazi ukuzityanda igila kwabezomthetho ngokunikeza iinkcukacha ngokwenzekileyo nezingakhokelela ekugwetyweni kwabandlwenguli.

Oku kungaluncedo ekuhlangabezeni nento ekhangeleka njengemeko yokungasebenzi ngokwanelisayo komthetho ngenxa yobungqina bamaxhoba obunamatshanda abangelwa kukuba inkoliso yamaxhoba iqaphela izinto ezincinci (ezifana nombala wesitulo esisegumbini lentlekele) ngeli lixa ingakhumbuli izinto ezinkulu (ezifana nokokuba intlonti yokudlwengulwa ithathe ixesha elingakanani).

Okubaliswa ngamaxhoba kukholisa ukugxininisa kuhlobo aziva ngalo emphefumlweni, ngaloo ndlela ezama ukuziqinisa emva kwesenzo esiwashiye ebuthathaka. Ukanti oku akuwancedi ekuqulunqeni ubungqina obungakhokelela ekugwetyweni kwabenzi bentlonti kuba umthetho kunye nobuntatheli zilandela olwazo uhlobo lokwenza izinto nolungasoloko luluncedo kumaxhoba odlwengulo. Ityala kufuneka libenomtyholwa, ngohlobo olufanayo apho inqaku elisephephandabeni kufuneka libalise ngamacala onke okwenzekileyo.

Imeko esiphila kuyo ibonisa ukuba iseluxanduva lamaxhoba ukuthintela ukubhebhetheka kodwengulo ngokumangalela abenzi bale ntloni emapoliseni. Nangona kunjalo, ukungakholelwa kobunyani bezimangalo ezibekwa ngamaxhoba ngamasebe ajongene nokulwa ukubhebhetheka kwalo mkhuba kusesesona sizathu siphambili esithintela ukufakwa kwezimangalo. Amapolisa, abatshutshisi, iijaji, amaqonga ezoluleko kumaziko emfundo; onke la masebe amiselwe ukukhusela amaxhoba, kodwa asawa ngeneno ekuziseni uncedo.

Kusengenzeka okokuba enye yezona nto zingaba luncedo kukuba nomonde ngokunika amaxhoba ithuba lokuqokelela iingcinga ngakukhumbulayo malunga nentlonti yokudlwengulwa ukuze ibali lomntu ngamnye lithelekiswe nobunye ubungqina obungakhokelela kwisigqibo senkundla esifanelekileyo. Amaziko ezemfundo akuxhobele ukwamkela izimangalo nokuncedisana namxhoba ngomonde ukuze awenyuke ngempumelelo umnqantsa wokumangalela izidlwengu.

Akukazukuba lula ukuba amaxhoba eze ngaphambili nezimangalo. Izinto zingaguquka kuphela xa kukholelwa izimangalo zamaxhoba, kuphandwe ngocoselelo, kubekwe amatyala, kutshutshiswe, kugwetywe qatha abatyholwa abafunyenwe benetyala. Ewe, likho igcuntswana elixokayo lisithi lidlwengulwe, kodwa sazi kamhlophe okokuba zonke izidlwengu ziyaxoka ngokudlwengula kwazo. Ucingo luwile, kutsiba nezimithiyo!