Masualle: Akanachaphaza uRamaphosa

Umfanekiso: Siyanda Jantjies

 

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uPhumulo Masualle, uxelele inginginya yeeKumkani neeNkosi eBhisho ukuba uCyril Ramaphosa ukulungele ukukhokela iANC. 


Le nkulumbuso ithethe oku ngethuba ibisazisa uRamaphosa kumabala emidlalo eBhisho, nalapho bekuqhutywa khona umbhiyozo weminyaka engamashumi amabini yasungulwayo indlu yeeNkosi zeMveli eMpuma Koloni. 


”Usekela-mongameli usebenze kakuhle, umsebenzi wakhe awunachaphaza, asikhange sibizwe kusithwa nanku uRamaphosa enze ingxaki, ngoko ke kumele ukuba anikwe ithuba asikhokele,” uthethe watsho uMasualle.


Uthi kufike ixesha lokuba usekela-mongameli abe ngumongameli weANC nowelizwe loMzantsi Afrika. Oku kuvela kanye ngeli xesha kusele iinyanga ezintandathu kuphela phambi kokuba umbutho weANC uye kwinkomfa kazwelonke ekulindeleke ukuba yonyule isikhokelo esitsha. 


URamaphosa uxhaswa lelinye lamaqela abalandeli beANC lisithi lo mbutho mawulandele isiko nesithethe, unike le ndoda ithuba lokukhokela.

 

UMasualle uthi uRamaphosa uyaziwa ngomzila wakhe omhle kwimingxilo equka ezabasebenzi kwanemithetho engemicimbi yamasebenzi. 


”Usekela-mongameli ubelapha eBisho kunye nathi ngonyaka ka1992 xa sasikhupha ihagu endlwini, nalapho sathi sashiywa ngamaqabane ethu, uyaziwa kweli phondo,” uthethe watsho uMasualle.


Ukwaxelele loo nginginya yeenkokheli ukuba uRamaphosa nguye obekhokele idabi lokuvuselelwa kwamalungelo abasebenzi emigodi yoMzantsi Afrika.


“Ndivile apha abantu abamaziyo usekela-mongameli bebonisa ukuba bayamazi bembiza ngamagama abo asemigodini, besithi Silili, elo ligama ebebembiza ngalo emigodini,” uthethe watsho uMasualle. 


Lo kaRamaphosa kulindeleke ukuba ajijisane noNkosazana Dlamini-Zuma kukhuphiswano lokukhokela umbutho weANC. 

I-ANC kulindeleke ukuba ivule ngokusesikweni ithuba lokuba abantu bavakalise inkxaso yabo kwaba banqwenela ukuba bakhokele lo mbutho.

 

Ukanti usihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni,  uNgangomhlaba Matanzima, uxelele uRamaphosa ukuba bangamncedisa ukufezekisa iminqweno yakhe beziiNkosi. INdlu yeeNkosi zeMpuma Koloni ibhiyozele iminyaka engamashumi amabini yasekwayo. 


IKumkani yamaMpondo aseNyandeni uNdamase Ndamase, Dalimvula Matanzima waseRhode kunye noKumkani uZwelonke Sigcawu, bebenike isidima kulo msitho.