Masualle: Ubomi kufuneka buqhubekile

INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle ukholelwa ukuba uphuhliso nenkqubela kubantu beli phondo yinto efuneka iqhubekile, inganikwa siqabu ngenxa yenguqu kwiinkokheli zopolitiko.

UMasualle ukuthethe oku emva kokuphehlelela intsebenziswano phakathi kweMpuma Koloni kwanegqiza leZizwe eZimanyeneyo (United Nations). Le ntsebenziswano iphehlelelwe kwindibano ebibanjelwe kwisiza sezoshishino eMonti (IDZ).

Le ntsebenziswano kulindeleke ukuba isebenze kwimingxili eliqela kweli phondo, ekubalwa kuyo ezemfundo, ezempilo, ezolimo, iziseko nokunye.

UMasualle, oshiyekelwe ziinyanga ezimbalwa phambi kokuba kuphele ixesha alinikwe njengeNkulumbuso, uthi uphuhliso lwabantu baseMpuma Koloni yinto ekufuneka iqhubile maxa onke.

“Umntu uza kubuza kutheni le nto uqala iintsebenziswano xa kanye usemnyango [uza kuphuma eofisini]. Impendulo yam kulo mbuzo, kukuba eli phondo alipheli, akukho apho liya khona.

“Abantu beli phondo bafuna inkqubela nophuhliso. Xa kuphela ixesha lam eofisini, ubomi babantu baseMpuma Koloni kufuneka buqhubile, ngoko ke kubalulekile ukuba xa sisebenza singajongi amaxesha,” utshilo uMasualle.

UMasualle ukholelwa ukuba iingxaki ezombethe iMpuma Koloni azinakufezwa ngurhulumente yedwa.

“Sazixelela kwantlandlolo, ukuba iingxaki zeli phondo sokuze sizifeze sisodwa. Kufuneka sisebenzisane nabantu ukuba sifuna iziphumo. Enye yezinto ezidla umzi kweli phondo, yintswelongqesho ingakumbi kulutsha.”

Uthi ukusezela iingcebiso nobuchule beengcaphephe zamagosa eZizwe eZimanyeneyo, kuza kuncedisa kwinkqubela nophuhliso lweli phondo.

“Into entle ngale ntsebenziswano kukuba [siphene] amacebo okwenza ngcono umsebenzi kweli phondo.

“Enye yezinto esizidla ngazo kweli phondo, licandelo lezolimo. Wonke ubani uyawazi amandla esinawo kwezolimo. Ingxaki esijongene nayo kukuguquka kwemozulu, nto leyo efaka ifuthe kweli candelo. Ngokubambisana neZizwe eZimanyeneyo, siza kukwazi ukuza namacebo okuqubisana nemicelimngeni,” utshilo uMasualle.

Ethetha ngale ntsebenziswano, umnxulumanisi weZizwe eZimanyeneyo kweli lizwe, uNardos Bekele-Thomas, uthi iiarhente zabo ezilishumi elinesixhenxe ziza kuqhuba umsebenzi wophuhliso nenkqubela eMpuma Koloni.

“Oku kuquka ukuzisa ubuchwepheshe bale mihla ngeenjongo zokuza nezisombululo kwiingxaki ezikhoyo. Kodwa asithethi ngakuzisa zinto ngaphandle kokuba sigxininisa kwintsebenziswano, ejolise ekuphuculeni oko sele kukho kurhulumente weli phondo.

“Ngokomzekelo likhona isebe lezemfundo, qha ingxaki kukuvelisa imfundo esemgangathweni. Xa imfundo ingekho semgangathweni, oko kuthetha ukuba sididiyela intswelongqesho. Kwezempilo, siyayazi ukuba izibhedlele zoluntu ziswele oogqirha kodwa kananjalo kukho oogqirha abasandula ukuqeqeshwa abangenamisebenzi. Umbuzo ngowokuba iingxaki ezinje, sisabela njani kuzo,” utshilo uBekele-Thomas.

Lo kaBekele-Thomas uthe le ntsebenziswano iza kuqhuba nokuba sele ephumile eofisini uMasualle.