Matanzima: Ayingobelungu bodwa abamoshayo ngexesha lengcinezelo

Obesakuba nguSihlalo weNdlu yeeNkokeli zeMveli eMpuma Koloni uNkosi Ngangomhlaba Matanzima

Obesakuba nguSihlalo weNdlu yeeNkokeli zeMveli eMpuma Koloni, uNkosi Ngangomhlaba Matanzima, uthi ayingobelungu kuphela abamoshayo ngexesha lengcinezelo.


“Nathi njengabantu abantsundu sinezinto esazimoshayo. Umzekelo, abanye abantu babulawa sithi sibatshisa ngamatayari, abanye sabatshisela imizi logama abanye sathengisa ngabo ezintshabeni ngeli xesha bezabalaza kodwa sabangunobangela wokuba babhubhe kuba sabathengisa kwiintshaba,” utshilo uMatanzima.


“Akunakuba ngathi asizange sone thina bantu bantsundu ngexesha lengcinezelo. Ngoko ke masizimise phambi koThixo, sicele uxolo ngezinto ezimbi esazenzayo,” kutsho uMatanzima, owayenguMphathiswa wezoLimo ze waphinda wanguSekela Mphathiswa wezoKhuselo kwiphandle elalisaya kwaziwa njengeTranskei.


Namhlanje (ngoLwesihlanu) uninzi lwabantu lubhiyozela usuku lwenkululeko olwaza ngenxa yosuku lwembali lomhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeSilimela ngo1994, apho abantu boMzantsi Afrika bathabatha inxaxheba okokuqala kunyulo lwentando yesininzi.

Sithetha nje uMatanzima ukhokela iphulo lokuvuselelwa kozathuzo nezimilo eluntwini iMoral Regeneration Movement kwiphondo laseMpuma Koloni.