Matric2024: Izikolo zasezilalini ziyithwele iMpuma Koloni!

Iinkokeli zikaRhulumente waseMpuma Koloni zixhage abantwana bezikolo abapase kakuhle iMatriki ngo2024. Umfanekiso: Facebook

Ukuba usekhona umntu ocinga ukuba imfundo ebhadlileyo ayikho ezilalini, lo mntu usemva ngoba yiminyaka ilandelelana ngoku izikolo zasezilalini zibetha ezisezidolophini kwiphondo leMpuma Koloni. Isithili esipaselelwe kakhulu kwiimviwo zikaGrade 12 kunyaka ka2024 ibe yiChris Hani East equka iidolophi ezifana neNgcobo neCofimvaba.

Kwindawo yokuqala, iChris Hani East ifumene u88.5%, isuka ku84% kunyaka ka2023. Amathole East ihleli kwindawo yesibini ngo87% omhle. Isuka ku82.4% emfumene ngo2023. Kwindawo yesithathu kuhleli iAlfred Nzo efumene u86.9%. Isuka ku84.2% ebimfumene ngo2023. Kwindawo yesine kuhleli iNelson Mandela Bay Metro ngo86.7%.

Ifumene ufunqu nayo ngoba isuka ku83.1%. Kwindawo yesihlanu, kukho iNzo East efumene u85.9%. Iphucukile nayo ku85.1% ebimfumene ngo2023. Ezi ziinkcukacha ezipapashwe nguMphathiswa wemfundo ephondweni, uMnu. Fundile Gade, ngentsasa yangoLwesibini wale veki emsithweni wokuvuyisana nabantwana abapasileyo obubanjelwe eMonti.

Kwakhona indawo enabantwana abaninzi abaneziphumo ezibanika ilungelo lokwenza isidanga sebakala leDegree eyunivesithi (Bachelors) yiChris Hani East. Amathole akwindawi ndawo yesibini, elandelwe yiBuffalo City Metro. UMnu. Gade uthe ukufunquka kweziphumo ezilalini kuhambelana nesigqibo sesebe lakhe lokwakha izikolo ezitsha nokuvuselela izikolo kwiindawo ezisezilalini.

Phambi kwempumelelo ezuzwe yiChris Hani East, bekugqwese iAlfred Nzo West neAlfred Nzo East ngokulandelelana kwiminyaka egqithileyo. “Sakwenza oku kuba sasifuna ukuvuselela izikolo ezilalini ukuze sinqande ukuhamba kwabantwana. Akukho mntu omakanyanzeleke ukuba afudukele eNelson Mandela Bay Metro ukuze ubomi bakhe buphucuke.

“URhulumente makandinike ubomi obungcono kwindawo endikuyo,” utshilo uGade echwayitile. UMphathiswa wezeMfundo esiSiseko kuzwelonke, uNksz. uSiviwe Gwarube, ubaqhwabale izandla abantwana abapasileyo nephondo elifumene u84.98% kwiimviwo zeMatriki zonyaka ka2024.

“Ndiyazingca ngomsebenzi owenziwe yiMpuma Koloni. Ukubakho kwabantwana abaphume emagqabini abaphuma ezikolweni zasezilalini kuthetha ukuthi ikhona into eyenziwa kakuhle apha,” utshilo uGwarube. Nayo inkokeli yeMpuma Koloni, uMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane, izamkele ngovuyo iziphumo zeMatriki ka2024.