‘Mawaguquke amaziko emfundo ephakamileyo’

Mabafundiswe ngobungcali beengcali zamazwe abo abafundi bemfundo ephakamileyo eMzantsi Afrika eAfrika nakwihlabathi.

Oku kuvele ngethuba injingalwazi nezifundiswa eziphuma kumazwe ahlukeneyo aseAfrika nehlabathi zidibene kwiyunivesithi yaseFort Hare zishukuxa amacebo okuguqula imeko yentlalo ngokusebenzisa imfundo ephakamileyo.

Inqununu yeyunivesithi yaseFort Hare uMvuyo Tom uthi, le nkomfa izakunabisa amacebo eeyunivesithi ukuguqula imeko yentlalo.

“Sinikwe ithuba lokuba sisingathe le nkomfa ngenxa yokuba sibhiyozela iminyaka elikhulu sikhona, kodwa injongo kukusebenzisa amaziko emfundo ephakamileyo ukuguqula intlalo yabantu ngokubanzi,” ucacise watsho uTom.

Amaziko emfundo ephakamileyo abonwa nje- ngendawo apho kuphekwa khona abantwana abaye kamva badlale indima enkulu ukumisa, ukukhulisa nokuvuselela imeko zezimali zamazwe abo.

Le nkomfa intsuku ntathu izakuphuma nezicwangciso nemigomo ezakukhokela inguqu kuhlobo lemfundo enikwa abantu.

UNjingalwazi uEric Buch weYunivesithi yasePitoli uthi unethemba lokuba le nkomfa izakubanceda ukuguqula izinto ekuhlaleni.

“Le nkomfa ize ngelona xesha lililo lokuba kwenziwe inguqu eninzi kwimeko yentlalo, ngoko ke aba bantwana baphuma kumaziko kufuneka siqinisekise ukuba banolwazi olufanelekileyo ukunceda intlalo,” utsho uBuch.

Imfundo ephakamileyo inoxanduva lokuqinisekisa ukuba incedisana norhulumente ukuguqula imeko yentlalo yoluntu ngokubanzi.

“Kumele ukuba uhlobo lemfundo esilinika aba bantwana lihambelane namaxesha abaphila kuwo ukuze baphume kula maziko bekwazi ukudlala indima yabo kwintlalo. Intetho yokuvula lo mcimbi yenziwe ngumphathiswa wesebe lophuhliso lomgaqo siseko nobulungisa uMicheal Masuta.

“Ubungcali kwiindlela zokukhokela intlalo bumele ukuba buphume kuthi ngokuqeqesha abantwana kwiindlela ezahlukileyo zokukhokela entlalweni,”utsho uTom.

Injingalwazi ejongene nokuqulunqwa komxholo wohlobo lemfundo uNjingalwazi uOluma Obi weyunivesithi yaseFort Hare uthi ikhona imfuneko yokwenziwa kweenguqu kwezemfundo ukuze kuguquke intlalo.

“Abantu abafundisa kula maziko kumele ukuba babeyinxalenye yokuqulunqwa kohlobo lolwazi olufundiswa abantwana kula maziko ukuze bafundise into abayaziyo,”uthethe watsho uObi.

Le nkomfa izinyaswe ziinjingalwazi, izifundiswa kunye noogqirha abaphuma kwiiyunivesithi ezahlukileyo kwihlabathi.