Mawakhuselwe amanina nabantwana kuhlukunyezo

Abafundi, abahlohli kunye namaqela ophuhliso bebebambe umngcelele osuka kwiziko lezempilo iMntwana Clinic besingise kwisikolo samabanga aphatsi iTholeni Senior Secondary School eMount Frere ngethuba bephantsi kweliso labakwantsasana.

Umyalezo ubusithi makukhuselwe abantwana namanina ahlukunyezwa ngenxa yesini, le nto ibizwa iGender Based Violence ngolwasemzini.

Le ntshukumo ibiququzelelwe liqumrhu elizimeleyo lophuhliso iRestless Development ngeenjongo zokuncothula neengcambu nayo nayiphi na imikhwa engakhokelela ekunyhashweni kwamalungelo omnye ngomnye.

Emva kwalo mngcelele womboniso, amakhulu abantu athe ayokusingatha umsitho ngaphakathi esikolweni selali le, apho kuqhutywe khona imfundiso ngale miba ikhankanywe ngentla.

Kwabo bebezimasile bekukho neenkosi ezimbini, eyaseTholeni unkos’ uBaphakamise, neyaseDangwana unkos’ uZanozuko ongoyena mntu owacela lo msitho.

IRestless Development ithembise ngelithi ngosuku lwabatsha kwinyanga yeSilimela bayakuphinda babe seDangwana bezokuqhuba umsitho wolu hlobo.

Obengumququzeleli oyintloko kulo msitho uMnu Vukile Kota, uthe uninzi lweziganeko zolwaphulo-mthetho kunye nezilolu hlobo zenziwa yintswela-ngqesho, ngenxa yeso sizathu bathe bagqiba ekubeni bameme iqumrhu elikhuthaza ukusekwa kwamashishini iUnisive Technologies ukuze incedise abo banentshisakalo yokuqala amashishini aquka ulimo, ukunikezela ngeenkonzo nezinye.

Udlule wathi, “Abantwana bayadlwengulwa kwiilali ezikufutshane nedolophu abanye bayatshiswa ngenxa yokuhambisana besisini esinye. Ngumkhwa ekufuneka upheliswe lo, kuba wonke umntu unelungelo lokukhetha lowo anqwenela ukuhambisana naye”.

Isetyana elijongene nemiba yolwaphulo-mthetho nokolulekwa kwezimilo kwiSebe lezeNtlalo lithe lalumkisa abantu kwimiba yokusetyenziswa kotywala ngendlela egwenxa.

INkos’ uZanozuko ithe, “Iimfundiso ezilolu hlobo ziye zisiwe ezidolophini amaxesha amaninzi nangona sizidinga, ngoko silibulela kakhulu eli thuba, sikwanomnqweno wokuphinda siwafumane amathuba anje”.

IMahamane Junior Secondary, iTholeni Junior Secondary kunye neDangwane Senior Secondary School bezikho ngobuninzi.

UMnu Kota uthe, “Abantwana ngabo abathi badibane nokudlwengulwa kuba nakwinyanga ephelileyo kwenzekile oku kule dolophu”.

Abahlali beTholeni bashiyeke benombulelo besalindele ukuva ukuba iRestless Development izakubaphathela ntoni kule izayo inyanga ngosuku lolutsha.