Mawethu ndiyanicenga, khanihlabe nikhangele!

Ukuhlab’ ukhangele kunentsingiselo egxile ekwenziweni kwezinto ngokufanelekileyo, ngokucingisisa, ukuqiqisisa ukuze iziphumo zoko kwenziwayo zingabi nasothuso, koko zibe zezo zilindelekileyo neziqinisekisa uzinzo kwabo babandakanyekayo nakuluntu luphela.

Nantsi ke imibuzo, mibuzo leyo isanyathela kumhlomlo wam wenqaku elidlulileyo, inqaku ebelijolise kwinkcitho engafunekiyo emingcwabeni: Ingaba indlela esiyisingatha ngayo imingcwabo yale mihla isahambelana nendlela ababesenza ngayo ookhokho bethu?

Ingaba indlela esifihla ngayo abo basanduleleyo isenaso isidima nesithozela samhla mnene? Ingaba indlela esingcwaba ngayo ijolise kwinkcitho engenamsebenzi okanye singcwaba sigcina sikwabekela abo baseleyo ikamva elililo ukuze bakwazi ukuphila bengathwaxhwa linxele likaKhethsekile?

Kule mihla imingcwabo ijike yayimisitho yolonwabo nokhuphiswano. Kule mihla umngcwabo uthi ukuze utsale abazimasi kube sekukho isiqinisekiso somjuxuzo wetheko elilandela inkonzo yomngcwabo, theko elo libizwa ngokuba yiAfter Tears.

Kwezi After Tears kosulwa iinyembezi zabazili ngobhelu lomsele, kuselwe, kukhaliswe umculo ovulelwe phezulu, kujuxuzwe de maxa wambi konzakaliswane kwakuloo nkonzondini yakwalambathayo.

Kule mihla imingcwabo sele iyimicimbi yokukhuphisana ngempahla enamagama amakhulu ezizwe zaseYurophu.

Wofika abazali nabantwana beyimiqodi ukuthontelana ezivenkileni kusiyo kuthengwa iimpahla eziza kunxitywa emingcwabeni, iimpahla ezixabisa kakhulu ezinamagama afana nooLacoste; Carvella; Tommy Hilfiger; Cadducci namanye amaninzi, amanye kuwo anabayili abalikhupha latsola elokuba asingomnqweno wabo ukuba iimpahla zabo zinxitywe ngabantu abantsundu.

Silibele kusini na ukuba umngcwabo lo yintoni na? Kutheni sisuke saxhinela izinto ezingenanto yakwenza nesidima sobuntu, izinto ezingasinanzanga kwaneso sihomo sihambelana nokungcwaba umntu oswelekileyo?

Ndiyaphinda, lumkani mawethu, kungenjalo nakuba ngoonompabanga abathwaxwa yintlupheko! Lumkani, ningekaziboni ningooNatyhofithi boofunx`uthuli! Umbhali ophume izandla apha kowethu, uGS. kaBudaza, ukhe wasikhumbuza ngentsingiselo yomngcwabo kulaa ncwadi yakhe ithi, “Khawufan`ucinge” (iphepha 73: 1980).

Lo mbhali ukhumbuza aze ayale ngelithi, “Umngcwabo sisiganeko esilusizi esiyiwa ngabantu abakhulu kuphela. Isidumbu besingaboniswa bantu, kuba kaloku sasisoyikwa. Kwakungabikho zipho, mikhonto nantyatyambo, kuba kaloku kwakungagcotywanga.”

Lo mbhali uqhubekeka enjenje, “Amangcwaba ayengahonjelwa kwaye engahonjiswa, amangcwaba ayengahanjwa ngabantwana namanina kuba isizalo nokufa zizinto apha ezingayanyaniswayo kwaNtu.”

Nindiva ndichukumisekile yindlela esingcwaba ngayo mva nje ndibangwa kukutyhilwa amehlo zizizwe ezi sihlala nazo.

Njengokuba thina siqhubekeka singcwaba ngeemali zikanokutsho, thina neentsana zethu sinxiba iimpahla zamagama amakhulu nezixabisa kakhulu emingcwabeni; sigcina abo basanduleleyo emikhenkceni ixesha elide siphele sihlawula imali eninzi kule mizi ibagcinileyo; singcwaba ngeebhokisi zegolide, ezedayimani nezeglasi ngoku umntu sele eza kugqunyelelwa ngomhlaba namatye; sithenga inyama eninzi; iziselo ezininzi neendidi ngeendidi zokutya kunge kuyatshatwa okanye konwatyiwe; sigqibele ngokufaka amatye axabisa kakhulu kumangcwaba abantu bethu abasishiyileyo, ezinye izizwe zisadla ngendebe endala, indebe ekwakutshilwa ngayo ngookhokho bethu.

Ngenxa yoku, esi sethu isizwe sishiyeka sisendlaleni, sintyumpa-ntyumpeka ematyaleni, iphele kwaloo ndlala izala ubundlobongela nolwaphulo-mthetho.

Kumngcwabo womnye wabafundi bam intombi kaAbraham, nongumntwana ophuma kwinkolo yobuSilamsi, ndibone into entle kakhulu, nendithembayo ukuba isizwe sakuthi singafunda nto kuyo.

Lo mntwana ungcwatywe kule veki iphelileyo ngoLwesine, kanye kule nyanga yokukhunjulwa kwamafa nemveli yethu.

Nanjengentlalo kaXhosa yangaphambili, umzimba wakhe awukhange ugcinwe iintsuku ezininzi usemkhenkceni, ungcwatywe phambi kokuphuma kwelanga kusuku olulandela olo lokunduluka kwakhe.

Umzimba wakhe uhlanjelwe ekhaya, waqholwa waze wathanjiswa ngeziqholo nezithambiso ezihlala kwiMosque ekukhonzelwa kuyo. Umzimba uye wabekwa phezu kwecangci elinemiqheba esibhozo yokubamba, wabe ugqunywe ngelinen entle nayo esuka kwisakhiwo sokukhonzela. Ngaphezulu kwaloo linen wambathiswa ngengubo enemibala nemibhalo emihle yesiArab.

Inkonzo yomngcwabo ayikhange ibe nazithethi zininzi kuya phi, kangangokuba ithathe nje isiqingatha seyure.

Ukusuka apho uthathwe ngamadoda kuphela, wakhweliswa kwinqwelo-mafutha eyivan engaqeshwayo nengasuki kubangcwabi, koko sisithuthi somnye wabazimasi, kwayiwa kunqulwa kwathandazwa kwiMosque kangangemizuzu elishumi kuphela.

Emva koko, kwala madoda aphinde awuthwala loo mzimba aya kuwungcwaba, nalapho athatha nje imizuzu engephi, kwabuyelwa ekhaya.

Bambelela ungothuki mlesi: Uyayazi phofu ukuba nalapho ekhaya, apho bekusele khona ulutsha, oomama nabantwana, umntu wonke ufumana ipleyiti efanayo eneBreyani kuphela, breyani leyo ingumxube okukutya okunamagqabi azizinongo, irayisi egalelwe ikheri kunye nemicwe yenyama yenkukhu. Nayo ke le breyani ityiwa ngezandla, kungasetyenziswa macephe.

Unokuyicinga nawe ke inkuntyula yemali eyongiwa xa kungcwatywa ngabo bale nkolo, nabanqula uAllah! Andithi nathi masizeke mzekweni, koko ndithi ukuba sinokubuyela embo, silandele indlela eyayihanjwa ngookhokho bethu xa bengcwaba, nesondeleyo kule yaba bale nkolo kaIslam, ndiqinisekile ukuba isizukulwana sethu singasigcinela indyebo ebonakalayo, litsho nekamva labo liqaqambe!

Kule nyanga yamafa maze sithi xa singcwaba izizalwane nezihlobo, sikhumbule ukuba, “In`naa lil`laa`hi wa in“naa i`lay`hi` raa`ji`oon”, oko kukuthi, “sonke singabakaThixo, kwaye ngokufa, sonke siza kuphindela kubukumkani baKhe.”

Xa sibuyela kuMdali nakumanyange, akunyanzelekanga ukuba senze inkcitho engafunekiyo!