‘Mawubuyele kwiiKumkani umhlaba’

UNkosi uMwelo Nonkonyana onguSihlalo weNdlu yeeNkosi eBisho Umfanekiso: BHEKI RADEBE

IiNkosi zeMpuma Koloni phantsi kweNdlu yeeNkosi zeMveli zitsho ngazwinye ukuba umhlaba mawubuyiselwe kwiiKumkani zelizwe phantsi kwenkqubo ezayo yokubuyiswa komhlaba.

Oku kuvele ekuqaleni kwale veki ngethuba iNdlu yeeNkosi ibiqalisa iingxoxo ezimalunga noluvo lwabo kumcimbi wokuthathwa komhlaba ngaphandle kwentlawulo.

USihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni uNkosi Mwelo ‘Zanemvula’ Nonkonyana, uthi abanikazi bomhlaba asingobantu bazimeleyo kodwa ziiKumkani nabantu bazo.

“Imbono yethu ngalo mcimbi wokubuyiswa komhlaba ithi, umhlaba mawubuyele kwiiKumkani, kaloku eli lizwe lilawula ngobukhosi. Wathathwa kwiiKumkani neeNkosi nabantu bazo umhlaba ukusukela ngo1652,” ucacise watsho uNonkonyana.

Uthi beyiNdlu yeeNkosi bangqinelana ngaphandle kwamathandabuzo noluvo lukarhulumente lokuba umhlaba ubuyiswe ngaphandle kwentlawulo.

“Lo mhlaba sithetha ngawo ungamashumi asibhozo anesixhenxe eepesenti ekhulwini, mawubuyele kwiiKumkani ukuze ziwabele uluntu ngokubanzi,”utshilo uNonkonyana.

Urhulumente weli uvule ingxoxo emalunga nokubuyiswa komhlaba ngaphandle kwentlawulo, nebangele ingxoxo emandla mbombo zone zeli.

“IiKumkani ngamaxhoba okuqala okubulawa kuthathwa umhlaba kuzo, zilwe zavalelwa ezintolongweni ezinye zaduka zisilwela umhlaba wazo,” utsho uNonkonyana.

Ingxoxo entsukuntathu ebibanjelwe kwizakhiwo zeNdlu yeeNkosi eBhisho, ibijoliswe ukuvakalisa ngokucacileyo uluvo lweeNkosi.

UJan Van Reebieck waba sisicaka sokuqala seDutch East Indian Company eyangena kweli nekwabangela ukuxhatshazwa kwabantu ngokuthathelwa umhlaba nemfuyo.

Umbhali wencwadi owaziwayo kweli uChristine Qunta uthi uVan Reebieck wayengaqali ukuthunywa kumazwe ehlabathi ethengisa iimveliso zeDEIC.

“Ubesele evela kumazwe amaninzi ngoku eza apha eMzantsi Afrika, imfuyo enjengeenkomo neegusha yeyona nto yathi yabatsala, babefuna inyama yazo,” kutsho uQunta.

USihlalo wekomiti ejongene nemicimbi yemihlaba kwipalamente kazwelonke uLewis Nzimande, kwinyanga ephelileyo, uxelele amajelo eendaba ukuba le nyanga kaCanzibe izakuxakeka zimvavanyozimvo malunga nokuthathwa komhlaba ngaphandle kwentlawulo.

“Inyanga le kaCanzibe siza kuyisebenzisa ukubambela iiKumkani neeNkosi noluntu ngokubanzi, sifumana izimvo zabo malunga nalo mcimbi womhlaba oza kuthathwa ngaphandle kwentlawulo,” watsho uNzimande.

UNonkonyana uthi ziiKumkani eziza kwaba umhlaba egameni labantu ngeenjongo zokuba bazuze abantu.

“Nangona sisasebenza kwisicwangciso esipheleleyo, sifuna ukuba usapho ngalunye lukwazi ukuba nekhaya, amasimi aneleyo, iindawo zamadlelo neentlanzi ezaneleyo, nemihlaba yophuhliso ezilalini, kwenziwe ushishino kumhlaba owaneleyo,” utshilo uNonkonyana.

Uthi umhlaba abathetha ngawo ngumhlaba owathathwa ukusukela ngonyaka ka1652.

“ZiiNkosi ezingamashumi amathathu anesibhozo eziphuma kwiinqila zonke zeMpuma Koloni kwiiKumkani zontandathu zeli phondo ezixoxe banzi ngalo mcimbi wokubuyiselwa komhlaba eluntwini,” utsho uNonkonyana.

Ukanti ingxelo yabakwaStatistic South Africa ithi lenyukile inani labantu beli abamhlophe abashiya uMzantsi Afrika, umcimbi wokuthathwa komhlaba ngaphandle kwentlawulo ubonwa njengomnye wonobangela woku.