Mawuqwalaselwe umba wenguqu kwezemidlalo

Umphathiswa wesebe lezemidlalo nolonwabo, uFikile Mbalula wothuse uninzi lwabemmi boMzantsi Afrika xa ebhengeza ukuba uzakuzirhoxisa iimfanelo zemibutho elawula ezemidlalo kwilizwe loMzantsi Afrika. Le mibutho iquka i-ASA, ISARU, INEsa neCSA. UMbalula uthi, le mibutho ifedile ukwenza iinguqu ngakubantu bebala kwezemidlalo.

UMbalula uthe, yonke imali ebekufanele ukuba isuka kwisebe inikwe le mibutho iza- kusetyenziswa ukwenzela ukuba, uMzantsi Afrika uzigqatsele ukusingatha iitumente zehlabathi.

Ngaphandle kwempixano eyenziwe nguMbalula, kodwa into efuna ukuqwalaselwa kukuba uMzantsi Afrika oko ubugangatha ndaweni nye xa kuthethwa ngeenguqu kwezemidlalo. Le mibutho ingentla oko ibisithi isazama ukwenza iinguqu.

Impendulo yomba weenguqu kwezemidlalo ilula. Wonke umntu kunye nabantu abalawula le mibutho basoloko beyicingela ngendlela engeyiyo into yeenguqu kwezemidlalo. Inguqu kwezemidlalo ayingomba wamanani nje kuphela, nalapho kungasuke kufakwe inqwaba yabantu bebala emabaleni.

Umzekelo umbutho olawula umbhoxo eMzantsi Afrika, i-SARU kudala uzama ukusa umbhoxo kubantu abatsha abaninzi, nakwizikolo ezininzi kwilizwe jikelele, kodwa la manani awathethi nto ukuba abadlali bebala abade badlale mbhoxo kudidi lwabahlawulwayo.

Ukuba uMzantsi Afrika ufuna ukugqwesa kwezemidlalo, inguqu kunye nokudlala ngokuzimisela yeyonanto kufuneka ikhuthazwe kubadlali, ngokulinganayo. Ngumsebenzi kwanoxanduva lakhe wonke umntu ukulwa ucalucalulo kunye nokukhethwa kwabathile kwezemidlalo. Into yenguqu ingafumana isisombululo xa kunoziwa nesisombululo esicingwe kakuhle nesizakuhlala iminyaka imininzi senze imbali kwezemidlalo kweli loMzantsi Afrika.

Enye yezinto ezidodobalisa iinguqu, kukungabikho kwenkolelo yokuba abantu bebala banako ukuza notshintsho olubonakalayo kumaqela esizwe. Ingakumbi kwimidlalo esele yoyanyaniswe nabantu abamhlaphe kakhulu.