‘Mawusasazwe nangesiXhosa umdlalo weqakamba’

Abathandi nabalandeli bakanomathotholo wesiXhosa eMzantsi Afrika balazi kakuhle igama likaPeter “Nololo” Bacela ngenxa yomzila wakhe omhle nocacileyo kusasazo ngolwimi lesiXhosa.

UBacela kwiintsuku zakhe zokugqibela esebenza uthathe inxaxheba kwiphulo lokuchaza amagama omdlalo weqakamba ngolwimi lesiXhosa ngokumenywa ngumbutho weqakamba eMzantsi Afrika (Cricket South Africa).

“Ndinqwenela ukubona lo mqulu wesichazi magama ochaza amagama asetyenziswa kumdlalo weqakamba uphumelela, kuba kufuneka abantwana basasazelwe umdlalo weqakamba ngamagama esiXhosa,” uthethe watsho uBacela.

Uthi umdla wabantwana abasakhulayo mkhulu kumdlalo weqakamba, kodwa ukusetyenziswa kwamagama esiXhosa xa kusasazwa lo mdlalo kuzakulinyusa nangakumbi inani labo balandela lo mdlalo.

“Kaloku umdlalo weqakamba ngumdlalo osungulwe ngamaNgesi kudala kakhulu ngoko ke ulwimi nemithetho esetyenziswe kulo mdlalo yeya- maNgesi, sele siwazi ke nathi ngoku ngoko ke kumele ukuba sibaxhobise ngolwazi lalo mdlalo abantu ngolwimi labo,” kutsho uBacela.

Lo kaBacela uthi kuyamvuyisa ukujonga emva kumsebenzi awenzileyo kusasazo lemidlalo ukusukela ngonyaka ka 1971 kwijelo losasazo iMhlobo Wenene (Radio Xhosa).

Ukusukela ngoko uBacela usebenze kumasetyana ahlukeneyo kanomathotholo esasaza imidlalo ingakumbi iqakamba kunye nomdlalo wombhoxo.

“Ukungena kwam eRadio Xhosa kwakunzima kakhulu kuba kwakuphethe isibhulu yonke into siyenziswa ngesi- Bhulu, iindaba zifika zivela eRawutini zibhalwe ngolwimi lesiBhulu siziguqulele esiXhoseni,” utsho uBacela.

Uthi ngonyaka wokungena kwakhe kwela jelo losasazo waya kuvavanyo izihlandlo ezibini ezahlukeneyo.

“Kwisihlandlo sokuqala andizange ndiqhube kakuhle, andatyhafa ndaphinda ndafaka isicelo kwaza kwathiwa masenze usasazo phambi kwabelungu bemamele, kulapho ndazibalula khona ke ngokusasaza umdlalo wombhoxo phakathi koMzantsi Afrika ne Wales ndawenza waphumelela uMzantsi Afrika, bavuya kakhulu bandiqasha,” evuya utsho uNololo. Phambi kokuba angene kusasazo uBacela wayesebenza njengomfundisi ntsapho kwiilali zaseQonce.

“Ndisebenze njengomfundisi ntsapho kwisikolo samabanga aphantsi iNothenga, lonke elo xesha ndizithandela unomathotholo ndimmamela nokuba ndiyalusa, uhlala elapha endlebeni yam ngamaxesha onke,” utsho.

Lo kaBacela uthi ufikele kumagqala osasazo kanomathotholo afana noTheo Mcinga, Given Ntlebi, Dambile Thuswa nabathi bamnika ithuba lokuba akhulele kusasazo lukanomathotholo.

“Eyona nto indinike ubunzima kumsebenzi wam wokusasaza ibekukwazisa umdlalo weqakamba ukuba usasazwe nawo kunomathotholo, abaphathi ngoko babekholelwa ukuba umdlalo weqakamba ngumdlalo wabelungu, kodwa ndaphumelela ukwenza ukuba usasazwe umdlalo weqakamba,” utsho uBacela.

Uthi ukusuka kweRadio Xhosa eQonce isiya eBhayi kwawenza lula umsebenzi wakhe wokucenga abaphathi ukuba bavume ukuba usasazwe umdlalo weqakamba.

“Sifike eBhayi isaziwa, ithandwa kuthethwa ngayo kwintlalo yemihla ngemihla lo nto yenze ukuba wamnkeleke umdlalo weqakamba kusasazo lukanomathotholo,” ucacise watsho uBacela.

Uthi kuyamvuyisa ukujonga emva ekhumbula umsebenzi omhle awenzileyo ngexesha lakhe kusasazo.

“Ngo 1995 ndisasaze umdlalo wendebe yehlabathi kumbhoxo ndingowokuqala ukusasaza ngolwimi lesiNtu kwinqanaba lehlabathi, ngo1996 ndisasaze umdlalo wendebe yehlabathi kwiqakamba nangoko engekho omnye umsasazi weelwimi zesiNtu, isisiXhosa sodwa esasimelwe kuloo midlalo yaloo ndebe, ndiyavuya xa ndikhumbula lo msebenzi,” uthethe watsho uBacela.

Uthi umdlalo weqakamba wawufunda ezilalini zakhe kwa- Masingatha eQonce.

“Apha kwezi lali bekudlalwa umdlalo weqakamba osemgangathweni ngelo xesha lokukhula kwethu, abantu benembeko belawuleka ngenxa yefuthe lemidlalo equka iqakamba, seso siseko ke esenza ukuba ndikhule ndiwuthanda,” uchaze oko uBacela.

Uhambisa athi, uhlile umgangatho walo mdlalo ezilalini nakwasezidolophini ubudlalwa kuzo. “Sinamagama apha afana noo- Ngcwele, Mngcunube, Manqina eNkomo, Impondo zephela namanye esiwaguqule esukakumagama esiNgesi, kuba sifuna iqakamba lithethwe ngesi Xhosa ebantwini abathetha isiXhosa,”utshilo.