Mayibuye intloko kaNdileka

UThozama Ndlela noZuziwe Ndlela ngabazala bakamfiUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UNdileka Mamayo waseNtenteni, eMonti, waduka ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo, ngeyoMnga kwafunyanwa intloko yakhe irhuqwa zizinja, yathathwa ngamapolisa esithi ayokwenza uphando lencindi yemfuzo eKapa.

Omnye wabazala bakaNdileka, uZuziwe Ndlela, uthi basentlungwini ngenxa yokwazi ukuba kukho isihlobo sosapho esingekangcwatywa.

“Ibuhlungu into yokuba sithi abaquqa emapoliseni wona awazixhamli ngokuzakusixelela ukuba iphi intloko namathambo kaNdileka, oko kusithwa umcuphi usekhefini ukusukela kunyaka uphelileyo,” utshilo uNdlela, enyembezana.

Olusapho luthi luxhalabile kukuba ukungangcwatywa kwala mathambo kungabangela ezinye iingxaki kweli khaya.

“Sesingcwabe abantu abaninzi emva kokuba ebhubhile uNdileka ngesesilibele ngoku ngayo yonke le nto, yini ukuba singaxatyiswa ngolu hlobo ngumthetho welizwe lethu,” ukhale watsho uNdlela. Uthi bazikakuhle ngentlungu akuyo uNdileka ngenxa yokungangcwatywa kwakhe nje ngabanye abantu.

UNdileka Mamayo lelinye lamaxhoba olwaphulomthetho olugquba kwingingqi yaseNtenteni nalapho kudlwengulwa kubulawe abantu abadala abangamakhosikazi. Ngenyanga kaCanzibe walo nyaka eNtenteni kwadlwengulwa inkosikazi ngamadoda amane aziwayo ekuhlaleni, nawathi kamva agrogrisa eli xhoba nosapho lwalo.

“Emva kokulinda kangaka sicela kurhulumente asinikwe intloko namathambo kaNdileka siwangcwabe nokuba bangaqhubeka nophando labo,” utshilo uNdlela.

Olu sapho belutyelele amapolisa aseMonti ngomhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yeKhala ngenjongo zokufumana impendulo emapoliseni malunga namathambo aquka intloko kaNdileka.

“Sixelelwe ukuba umcuphi usesekhefini, kwaye leyo yinto esiyifumana mihla le xa sifuna ukwazi ukuba lumi ndawoni uvavanyo lwencindi yofuzo okwenzekayo ngolu phando,” utsho uNdlela.

Ethetha ngalo mcimbi ekuqaleni kwalo nyaka othethela amapolisa aseMonti uHazel Mqala wathi la mathambo athunyelwe ePlattekloof, eKapa, ukuze kwenziwe uvavanyo lwencindi yofuzo.

“Asinayo indawo eyenza olu vavanyo eMpuma Koloni, ngoko ke sithumela zonke iinkcukacha eKapa, zilibaziseke apho ezi ziphumo zolu vavanyo,” uthethe oko uMqala.

Uthi amapolisa awanakugqithisa lo mzimba de kubuye iziphumo ezithi ngenene ngowosapho lakwa Mamayo.

Ingxelo ithi oku kuchaphazela iintsapho ezininzi kakhulu eMzantsi Afrika nanjengoko kunyanzeleka ukuba zilinde le nkqubo, kuhlahlo labiwo-mali lwalo nyaka umphathiswa wamapolisa, uFikile Mbalula, uyibalule into yokuba ezi nkonzo zizakuphuculwa.