Mayingenelele kwimeko yeProteas iCSA

Iholo yokubambela iinkomfa kwisikhululo seenqwelo moya saseRhawutini i-OR Tambo iguquke yafana nenkundla kumqeqeshi weProteas uRussell Domingo. Le nto iphinde yamehlela xa ebexinwe ngoonondaba ebutsheni bale veki, kulandela ukubethwa kweProteas kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi kwimidalo ye-ODI yamazwe amathathu.

Eyonanto ingangeni kakuhle, neyenza kuvuke imibuzo mayela nokulunga kukaDomingo, ukubamba esi sikhundla yinto yokuba abadlali beProteas bahleli phezulu kumanqwanqwa ehlabathi eqakamba.

Phezulu kubaqhokri kumanqwanqwa ehlabathi emidlalo yeODI kuhleli * -AB de Villiers. Lo mdlali ukhokela ngamanqaku amaninzi kakhulu ayi’887 ngaphezulu kukaVirat Kohli wase-India. UHashim Amla yena ubambe indawo yesithathu, ngomnye wabadlali abaqhokre kakuhle kakhulu kule midlalo ibidlalelwa eWest Indies. Le nto iyodwa ibonakalisa ukuba uMzantsi Afrika ume kakuhle kwicala labaqhokri, ngaphandle kwamathandabuzo ingxaki ayikho kubaqhokri. Mhlawumbi kungxekwa indlela abadibanisa ngayo uDomingo aba badlali ebaleni.

Mhlawumbi naye umqeqeshi weProteas angafumana lukhulu okanye iziphumo ezahlukileyo xa enosebenzisa iqhinga, elisetyenziswe ngu-Allister Coetzee kwiSpringboks. Kufike ixesha lokuba iCSA nayo igubhulule abadlali kumaqela amancinci kweli loMzantsi Afrika. Ingakumbi ukwenyusa umgangatho wabaqhokri, inyaniso kukuba uDe Villiers no-Amla abashiyekelwanga yiminyaka emininzi phambi kokuba babeke phantsi kwiqakamba. Ukuba kungafakwa ihlumelo labadlali abancinci le nto izakuqinisekisa ukuba iProteas inabadlali abancinci abazakuqhubeka nokunyusa umgangatho weli qela kwiqakamba.

Ukuqhuba kakubi kweProteas kuphinde kwamosha izinto nakumanqwanqwa ehlabathi e-ICC. I-Australia iphinde yabuyela kwindawo yokuqala emva kokubetha iWest Indies kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwiveki ephelileyo. UMzantsi Afrika uhleli kwindawo yesine ezantsi kwe-India kumanqwanqwa amaqela e-ODI. Kuyafuneka ukuba iCSA ixoze mphini wumbi ukuba isakhathala ngekamva leProteas.