‘Mazinganyuki ngaphezu ko-8 pesente iiyunivesithi’ – Nzimande

Umphathiswa wemfundo ephakamileyo uBlade Nzimande, ubhengeze ukuba anganyuki ngaphezu ko-8 pesente amaxabiso emfundo ephakamileyo kweli

UMPHATHISWA wemfundo ephakamileyo noqeqesho kweli
uBlade Nzimande uyalele amaziko emfundo ephakamileyo ukuba angawanyusi amaxabiso
ngaphezu kweepesente ezisibhozo ekhulwini kunyaka ozayo. 

UNzimande ukuthethe
oku ePitoli, ngethuba exelela oonondaba ngesigqibo sesebe lakhe malunga
nexabiso lemfundo ephakamileyo. “Siyijonge kuzo zonke inkalo, safikelela
kwelokuba ibe ziiyunivesithi ngokwazo ezithatha isigqibo ngokunyuka kwamaxabiso
emfundo. Iiyunivesithi azikwazi ukwenza umsebenzi wazo ngemali encinci kuba
amaxabiso ezinto anyukile,” utshilo uNzimande.

Uthe abo bakwaziyo ukurhawulelela imfundo
mabarhawule, wathembisa ngelithi urhulumente uzakufaka isandla kubafundi
abatsala nzima, ngelixa abazali bengenalungelo lenkxasomali kwingxowa yokuxhasa
abafundi iNSFAS. Uqhube wathi, amaziko emfundo adinga inkxaso khonukuze enze
umsebenzi wawo, ahlawule nabasebenzi.