USEKELA Mphathiswa weSebe lezeKhaya nokwayiNkosi yesizwe samaHegebe eMqanduli, uNkosi Phathekile Holomisa, umemelela ukuba iiNkosi zinikwe indawo ePalamente eKapa, nakwiiPalamente zamaphondo.
UDilizintaba uthethe oku ngethuba ebesenza intetho yakhe yesikhumbuzo sikabawo uOliver Reginald Tambo. Ezi ntetho zokukhumbula uTambo ziyaqhubeka kuba wazalwa ngale nyanga yeDwarha.
“Ndinqwenela ukuqala ngokubulela umbutho weANC ngokundinika ithuba lokuba ndithethe ngokufaneleka kolawulo lweeNkosi kweli xesha lolawulo lwesininzi, ” kucacisa uHolomisa.
Uthi ukuthetha ngoTambo lelona wonga angenakulilibala, kuba yinkokheli awayeyithanda eyihlonipha le.
“Indoda nenkokheli yomgangatho wakhe eyayingoyikiswa nangubani kwiinzame zokulwela inkululeko yeli lizwe,” utsho uHolomisa.
UHolomisa wayekhokele igqiza leeNkosi phantsi kombutho weContralesa ezaziye kuthetha ngekamva lobukhosi nombutho weANC eZambia ngo1989.
“Kuloo ndibano sanikwa isiqinisekiso yiANC, isithi ubukhosi bakuhlala bukho kwaye buza kunikwa isidima sabo, kungoko sisithi mazinikwe indawo yazo iiNkosi kulawulo lwelizwe,” utsho uHolomisa. Uthi iiNkosi mazinikwe izikhundla kwiPalamente kazwelonke eKapa, zinikwe izikhundla nakwiipalamente zamaPhondo.
“NguTambo esisiqu owanyanzelisa ukuba lo mgaqosiseko unike ingqwalasela kulawulo lobukhosi, kungoko kukho isolotya elithi, ubukhosi buyakunikwa ingqwalasela buguqulwe ukuze buncedise kulawulo lwesininzi,” kutsho uHolomisa.
Lo kaHolomisa uthi okwangoku ayicaci indima edlalwa ziiNkosi kulawulo lwelizwe loMzantsi Afrika.
“Intsebenziswano ecacileyo phakathi kweeNkosi norhulumente ingenza ukuba amanye amasebe nee-arhente zikarhulumente zize kusebenzela apha kumaKomkhulu, zibe kufutshane eluntwini,” utsho uHolomisa.
Akukho zibonelelo nancedo lunikwa iiNkosi ngurhulumente kazwelonke ukuze zikwazi ukuqhubela phambili umsebenzi wokugcina ulawulo lobukhosi ezilalini.
“Abantwana beeNkosi abakwazi kufumana imfundo eyiyo, abanazibonelelo zizizo, abanye babhubha zizifo ebezinokunyangeka ukuba bezikho ezi zibonelelo kwiiNkosi,” utsho.
UMasipala weSithili iOR Tambo uqinisekise ukuba kuza kuqhutywa iinkqubo ezahlukeneyo zokugqithiswa kwenkonzo eluntwini kukhunjulwa umhla wokuzalwa kukaOliver Tambo.
Othethe egameni lala masipala, uZimkhitha Macingwane, ucacisa banzi ngokuza kuqhubeka. “Siza kuqhuba iinkqubo ezahlukeneyo ezisekelezelwe kwiimbono nendlela zokwenza izinto awathi uOR Tambo wancama ubomi bakhe esilwela zona,” kutsho uMacingwane.
UOliver Reginald Tambo wazalwa ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeDwarha ngo1917, eNkantolo eBhizana, kwelamaMpondo aseMpuma.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo