Maziphele izigqubu zeRET kwiANC, kuyalela ikomiti (NEC) yeANC

Akukho lungu leANC elifanele ukuba yinxalenye nesigqubu esibizwa iRET (Radical Economic Transformation), igqibe njalo ikomitì embaxa (NEC) yeANC emva kwendibano ebitshisa ibunzi eqale ngale mpelaveki.

Oku kubhengezwe nguMongameli weANC uCyril Ramaphosa ngobusuku bangoMvulo.

Esi sigqibo singachaphazela uNobhala Jikelele weANC uAce Magashule otyholwa ngobuqhophololo ekurhaneleka ukuba wabenza esekurhulumente waseFreyistata.

Le komiti (NEC) ikwagqibe ukuba onke amalungu eANC abekwe amatyala obuqhophololo, kuquka namatyala anobuzaza, yinkundla yomthetho, makathi gu bucala zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amathathu okanye ajongane nokunqunyanyiswa.

Isigqubu seRET soyanyaniswa nobesakuba nguMongameli weli uJacob Zuma. Sasekwa ngelithi sizisa iinguqu kwezoqoqosho, kodwa abahlalutyi bezopolitiko bathi sesokufezekisa iinjongo zabo baphikisana nesikhokelo sikaRamaphosa.

Le ndibano yangempelaveki idale ingxokolo emva kwempikiswano kumalungu eANC, nebekwe elubalwa lushicilelo olujikeleza kumaqonga onxibelelwano.