‘Maziphume iziphumo zebanga leshumi’

UMphathiswa weMfundo esiSiseko uAngie Motshekga

Emva kwengxoxo ende malunga nokukhutshwa kweziphumo zebanga leshumi esidlangalaleni, iNkundla ePhakamileyo ePitoli, ithe maziphume ezi ziphumo.

Umbutho weAfriforum ubumemelela ukuba zikhutshwe esidlangalaleni iziphumo zebanga leshumi zonyaka ka2021, logama iSebe leMfundo belingavumi. Le nkundla ithi mazikhutshwe esidlangalaleni kumaqonga afana namaphephandaba iziphumo zebanga leshumi.

Umfundi webanga leshumi kunyaka ophelileyo uAnle Spies, iAfriforum neMaroela Media bebekhokele kwidabi lokuba zikhutshwe esidlangalaleni ezi ziphumo.

Ingxelo ithi le ngxoxo ithathe imizuzu elishumi kuphela enkundleni, yathatha isigqibo inkundla.

Ngempelaveki egqithileyo, uMphathiswa wela Sebe, uAngie Motshekga, uthembise ukuba bayakuthobela umyalelo wenkundla.

IJaji ibichophele le ngxoxo, uJaji Anthony Millar, uthi bonke abachaphazelekayo baxoxe ngokusemthethweni. “Lo ngumcimbi okumdla woluntu loMzantsi Afrika, kungakuhle sonke singahlala sihlonipha izimvo zesininzi,” kutsho uMillar.

Oku kuthetha ukuba abafundi bebanga leshumi bonyaka ophelileyo baza kukwazi ukufumana iziphumo zabo ezikolweni, kumaphephandaba nakwamanye amajelo asesidlangalaleni.

ISebe leMfundo belixoxa lisithi lenza oku lisebenzisa umthetho okhusela iinkcukacha zabantu, iProtection of Personal Information ACT (POPI Act). Minyaka le iziphumo zebanga leshumi bezifumaneka ezikolweni, kumaphephandaba nasezifowunini ngaphandle kwengxaki.

Ezi ziphumo ziza kuphuma ziqulethe inombolo yeemviwo zabafundi ngaphandle kwamagama abo njengesiqhelo, oku kukhusela amagama abafundi.

Kulindeleke ukuba ziphume nkalwana zonke zoMzantsi Afrika iziphumo zebanga leshumi ngomhla wamashumi amabini ananye kule nyanga.

UNatasha Venter weAfriforum uthi bebenalo ithemba lokuba inkundla iza kuthethela, ikhusele amalungelo abafundi noluntu ngokubanzi.

“Yinto ekukudala iqhubeka le kwilizwe loMzantsi Afrika kwaye besingekho isizathu sokuba urhulumente aphikise ilungelo labafundi, siyavuya kakhulu sisigqibo senkundla,” kutsho uVenter.

Omnye wemibutho ephambili kwimicimbi yemfundo kweli, iEqual Education ibixhasa uluvo lokuba zingakhutshwa ezi ziphumo esidlangalaleni.

UElizabeth Binely weEqual Education uthi bebexhasa olu luvo kuba luhambelana nomthetho wokukhuselwa kweenkcukacha zoluntu.

Uninzi lwabafundi abe bechophele iimviwo zebanga leshumi kunyaka ophelileyo luvakalise ukuvuya emva kokuba inkundla igwebe ngelithi maziphume ezi ziphumo.

Phambi kokuba siye kushicilelo iziphumo zeIndependent Examination Board besele ziphumile, abafundi bale bhodi befumene amashumi alithoba anesibhozo ekhulwini.