Maziqhwabe izishumane!

Emisithweni ndiye ndihlupheke rhoqo umphathinkqubo esithi masiqhwabele isithethi, akukhathaliseki nokuba kuphambi kokuba sithethe okanye kusemva kokuba sithethile na.

Ndigqwetheka mpela ke yile yokuba isithethi siqhwatyelwe singekathethi, kuthiwe masiqhwatyelwe sisaphakanyiswa ukuya eqongeni!

Ndixakwa kwaleli siko lokuqhwatyelwa komntu, ngoba umntu uyaqhwatyelwa kanti uyakhuzwa, ukanti uyaqhwatyelwa naxa akhuthazwayo. Ndiyawubona lowa waphaya emidlalweni umqhwabo, ondoyisayo ngulo wezithethi.

Ukuthi isithethi sisaphakama kube kusithiwa siqhwabeleni kukuthini?

Ukuqhwabela umntu ningekamva kwaukumva ukuba uza kuthini kusekelwe entwenini?

Ukuba ke sihamba nokuya kukhuthazayo ukuqhwaba, ukuba lo mntu nimqhwabelayo uza kunithuka niya kuthini?

Kum kungcono kwaokuya kokumqhwabela akuhla eqongeni, nisakube nivile nakhuthazeka okanye nancedakala koko akuthethileyo okanye akwenzileyo.

Kwangaxeshanye ke, ukuthunywa ukuba qhwabani ikwayenye nje impoxo kum. Ukuba le nto ithethwa ngulo mntu iyakhuthaza abantu bamele kuqhwaba bengathunywanga mntu. Abantu mabaqhwatyiswe yimincili nehlombe elidalwe sisithethi, bangathunywa.

Le yokuba bathunywe kum isingathi yimpoxo; kufana nje nalaa nto yokuthunywa komoni ukuba acele uxolo kulowo amonileyo kube kungekho nto itshoyo kuye. Ukuthuma abantu ukuba baqhwabele isithethi yinkwalambisa, isingase iyekwe.

Kambe ke mna andithandi kwaukuqhwaba oku. Mna ndiyinkwenkwe ekhule isiqaba, ndikhule ndihamba iziyolo zesiqaba.

Kwiziyolo zesiqaba ke bekuqhwaba iintombi, thina sixhentse. Andizange ndakuthanda ke ukuqhwaba kuba ndikhula ingeyonto yamadoda ukuqhwaba.

Ukuqhwaba kokwamabhinqa, aqhwaba sele ezincokolela. Ndatsho ndakhumbula umkhuluwa wam uNomha ongasekhoyo mhla kwaphuma inkwenkwe yekhumsha kanti iza kufuna intlombe. Iintombi zethu bembola bakuJusefu azizange ziye kuleyo ntlombe, iintombi zamakhumsha zazodwa zingazi ntlombe zinjalo.

Kwathi ngokusokola kwezi ntombi zizamana nentlombe kwathiwa makombele kwathina bafana, siqhwabe, sixhentse, into eyayithetha ukuba masixhentse sizombelela.

Wathi umkhuluwa yena akososishumane, akazuzombelela, makombele kwaezi zishumane zamakhumsha zizixhentsele kwazona. Watsho ebiza ibhekile yesifana eyibeka phambi kwakhe, akukhova wathi masihambeni sishiye lowo mhlola wentlombe.

Akukho nto ingelobhongo emntwini wayo. Obo buqaba bakuJusefu sasihlala sigxekwa ngabo ngala makhumsha babalibhongo loo mini.

Iintombi zamaqaba zasuka zaqhosha azake zitsho ukuphuma ziye entlombeni. Zazibuza ukuba amakhumsha azini ngentlombe? Kuxa bekutheni ukuba akhuphe ikrwala lawo ngentlombe angayaziyo?

Kaloku kwakusithi ukuba kuphuma inkwenkwe eyaziwayo, ulewu nenkxentsi, kwaziwe ukuba leyo ntlombe iza kuba yindikimba, buthi bufika ubusuku bayo lube ulutsha kukudala luzilungiselela. Kwakuphuma nabakude, elowo eza kuxhelelwa exhukwana sisishoqolo sentlombe. Le ke yokuba siziqhwabela yaba ngumnqa kuthi.

Mhlawumbi ke ikwabobu buqaba ndithetha ngabo obubangela ukuba ndive kabauhlungu xa kuthiwa mandiqhwabe. Ise ibe ngathi uyandibona ke nalo mphathinkqubo, athi makuphindwe kuqhwatywe ngoku sele kuqhwatyiwe, kuthi sele kuphindiwe athi zisabanda ezo zandla, makuphindwe. Kowu, ndife fi ke ngoku!

Le yokuqhwatyelwa komntu engekathethi noko isingathi ibhanxeke kakhulu. Isingathi umntu ngelindwa athethe agqibe, kuthi ke abantu ukuba badunyelwe banikwe ithuba baqhwabe, bangathunywa. Kunjalo nje xa abantu bedunyelwe abadingi kuthunywa ukuqhwaba, baqhwaba de beme ngeenyawo bengathunywanga.

Ndiyazicelela ke bethu apha kubaphathizinkqubo ukuba bangasithumi ukuqhwaba, bathathele ingqalelo ukuba kukho nabantu abafana nam abawuqhele ngolunye uhlobo lo mcimbi wokuqhwaba. Andisathethi ke ngale yokuqhwabela umntu engekathethi, endiyifanisa nokuqala ngokuziphipha kanti usaphisiwe. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba