Mazwai: Cinga ngokwahlukileyo kuqoqosho

USekela Mongameli woMzantsi Afrika uDavid Mabuza

Umntu uthi wakuvula isikroxo elokishini okanye elalini, ubone nabanye besenza njalo endaweni yokucinga ngamanye amashishini.


Oku kuthethwe ngoLwesine nguGqirha Thami Mazwai, usomashishini kwanelungu lebhunga labacebisi bakaMongameli kwicandelo lokukhuliswa koshishino lwabantsundu (BEE). 

Ebethetha kwiNgqungquthela yoQoqosho lweeLokishi neeLali ebanjelwe kwihotele i-ICC eMonti.

UMazwai uthi abantu abahlala ezilokishini mabacinge ngeendlela ezohlukeneyo zokwenza ushishino endaweni yokwenza into enye.

UMazwai uthi ukuba abantu basezilokishini nasezilalini bazimisele ukuphucula uqoqosho lweendawo zabo, mabaqale ngokuxabisa iindawo abaphuma kuzo.

“Ngenye imini ndakhe ndancokola nomnye usomashishini esithi liqhuba kakuhle ishishini, ude wane-ofisi edolophini. Iqala apho ke ingxaki, kutheni i-ofisi ingekho kufuphi neshishini elokishini okanye elalini,” kubuza uMazwai.

UMazwai uthi kubantu abangaphaya kwezigidi ezingamashumi amahlanu anesihlanu baseMzantsi Afrika, izigidi ezingamashumi amabini anesibini kubo bahlala elokishini logama ishumi elinesithoba lihlala ezilalini.

“Kodwa xa uqwalasela imigaqo-nkqubo ephunyezwa ngurhulumente, ufumanisa ukuba iluncedo isikakhulu kwabo basezidolophini,” utshilo uMazwai.

Ethetha kwakule ngqungquthela, uSekela Mongameli David Mabuza uthi lifikile ixesha lokuba urhulumente anike ingqwalasela amashishini asezilokishini nasezilalini, hayi nje ngokuthetha koko ngokwenza.