Mbalula iphi ingxelo yengozi yakuCentane?

Iintsapho zamaxhoba embubhane yengozi yebhasi yakuCentane zithi azikayifumani ingxelo yophando malunga nonobangela wala ngozi, nangona nje uMphathiswa wezoThutho kuzwelonke uFikile Mbalula ephumele elubala malunga nayo.

Kwiveki ephelileyo uMbalula, ethetha noonondaba, uveze amagqabaza ale ngxelo esithi ufuna babekwe ityala lokubulala endaweni yelo lokubulala ngokungenanjongo abo bachaphazelekayo.

Le ngozi, neyenzeka ngomhla wesibini kweyoKwindla, yathi yasuba imiphefumlo yabantu abangamashumi amabini anesithandathu ngethuba le bhasi iphequka ngakwisawana saseQolweni eNxaxhu kuCentane ngomhla wesibini kweyoKwindla.

Kwababhubhayo kule bhasi yayisuka eChebe kuCentane isiya eGcuwa, kuquka umqhubi kwanonkosikazi wakhe.

UMbalula uthi bafuna bonke abo bachaphazelekayo kwingxelo yophando babekwe ityala lokubulala endaweni yelo lokubulala ngokungenanjongo.

UMbalula uthi abantu ababekhwele kula bhasi babengamashumi alithoba anesibhozo (98), kwibhasi efanele ukuba ikhwelisa abantu abangamashumi amathandathu anesihlanu (65) abahleli phantsi, kwaneshumi elinesine (14) elime ngeenyawo.

Oku kuthetha ukuba le bhasi ibifanele ukuba ikhwelisa amashumi asixhenxe anesithoba (79).

UMbalula ukwathe le bhasi yaqala ukukhalala indlela emva kokudlula (overtake) imoto encinane.

“Indlela eyenzeka kuyo le ngozi sifumanise ukuba yayingekho kwimeko embi. Uphando lufumanise ukuba iimpepha zokulungela umgaqo kwale bhasi zaphelelwa kweyoMnga 2019. Kwakhona, iphepha lerhafu (disc) lale bhasi beliphelelwe, into ethi bekungafanelekanga ukuba isendleleni,” utshilo uMbalula.

Othethela iintsapho ezibhujelweyo, uPhumlani Ndzotyana, uthi basajonge enkalweni malunga nengxelo yophando.

“Asizukumamela ingxelo echaphazela thina maxhoba kumajelo eendaba. Ngoku wayeze emngcwabeni ngomhla weshumi elinesithathu wayethe akuzukuphela veki ingxelo yophando ingaphumanga. “Kucacile ukuba wayesenza nje ingxelo yezopolitiko. Esikubuzayo thina kukuba iphi le ngxelo?” kubuza uNdzotyana.

Kwimbalelwano, emva kwale ngozi, inkampani yebhasi yakwa-AB350 yabalula ukuba iindlela zasezilalini azintlanga.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za