Mbalula: ‘UZuma lixhego elisileyo’

UNobhala Jikelele weANC uFikile Mbalula ukhwele ezehlela kuMongameli woMkhonto weSizwe Party uJacob Zuma emva kweleta yesinyanzeliso kaZuma eyalela ukubuyiselwa kwakhe njengelungu leANC. Umfanekiso: Ayanda Ndamane / Independent Newspapers

UNobhala Jikelele weAfrican National Congress (ANC) uFikile Mbalula uthethe phandle ngethuba echaza owayesakuba yinkokeli yeANC noMongameli welizwe loMzantsi Afrika, uJacob Zuma njengomntu “osileyo nongakhathalelanga mntu,” ephendula incwadi kaZuma ethi makabuyiselwe njengelungu leANC.

Kutshanje, iJG Zuma Foundation iqinisekise ukuba igqwetha likaMongameli [uZuma] woMkhonto weSizwe (MK Party) lithumele ileta yesinyanzelo kwiANC ngoLwesithathu iyalela lo mbutho ukuba ubuyisele ubulungu bakhe obuchaza njengobupheliswe “ngendlela engafanelekanga” ekupheleni konyaka ophelileyo.

UMbalula, oseKapa, ​​eNtshona Koloni, elungiselela umbhiyozo wombutho wokugqiba iminyaka eli113 oza kuqhutywa kulo Mgqibelo kwibala lemidlalo laseKhayelitsha, uthethe ngokungafihlisiyo xa ebuzwa ngoluvo lwakhe ngeleta kaZuma.

“Ileta kaZuma inesigezo kwaye siza kuyiphatha ngolo hlobo. Umbutho ube neengxoxo naye kumanqanaba ahlukeneyo. Ngokomgaqo-siseko weANC njengomkhombandlela, sithathe amanyathelo ngoZuma, akalolungu,” utshilo uMbalula ethetha neentatheli.

UMbalula ukwathe abazukuyiphendula le leta kuba uZuma ufuna ukubalahlekisa. “Ebenethuba lokuthumela ileta yakhe naziphi na iintsuku ezidlulileyo, akazange, kodwa ukhethe olu suku [uLwesithathu]. Yindlela asebenza ngayo – ulixhego elisileyo, elingakhathalelanga mntu eliphila ngokungaboni ngasonye kwabantu ngenxa yokuzicingela kwakhe.

“Yinto adume ngayo, akawukhonzanga uMzantsi Afrika, akakhonzi iANC, akakhonzi abantu bakuthi, ukhonza ubuqu bakhe. Iintsuku zakhe zokulahlekisa abantu bakuthi zibaliwe kuba baza kumbona ukuba ngumntu onjani,” utshilo uMbalula egxeka uZuma.

“Makasise enkundleni, enze nantoni na acinga ukuba ibalulekile kuye. Siyasazi isigezo sakhe, besisazi isicwangciso sakhe, silandele umgaqo-siseko kwaye siza kukhusela isidima sombutho wethu,” utshilo uMbalula.

Ingxelo ithi ileta kaZuma ikwakhankanya “izibhengezo ezikhathazayo kunye nezenzo zikaNobhala Jikelele weANC uFikile Mbalula, ekuvakala ukuba wenza izenzo zokugrogrisa, zokuxhaphaza kunye nezithuko ezijoliswe kummeli kaMongameli Zuma, uTony Yengeni.”

Le leta ikwathi iANC kufuneka iphendule kwaye ibhengeze ukubuyiselwa kwakhe njengelungu ungadlulanga umhla wama31 kweyoMqungu 2025. Ukusilela ukwenjenjalo, bathembisa ukuba baza kuthabatha amanyathelo asemthethweni.