Mbeki: ‘BayiANC aba bathi Viva ANC?’

INGABA kukwenza ube yiANC ukunxiba isikipa seANC, wazi neengoma zeANC?

Oku kubuzwe ngobesakuba nguMongameli weANC nelizwe, uThabo Mbeki, kwindibano yesigqeba saseMpuma Koloni seANC ebibanjelwe eICC eMonti.

Obesakuba nguMongameli weANC kwanelizwe uThabo Mbeki ethetha kwindibano yantsukuntathu yeANC ephondweni eICC eMonti UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UMbeki uthi kule ndibano bacaphule okwakuthethwe ngobesakuba yinkokheli yeANC nelizwe uNelson Mandela apho ngo1997 wathi “Kukho ukuqhambuka kwabantu abagacele izikhundla kumbutho wethu, abafuna ukufezekisa iimfuno zabo ngokufikelela kulawulo nakwizixhobo. Aba bantu baphithanisa iinkqubo zombutho ukuze bazuze impumelelo yabo ngokweziqu”.

“Kwindibano yethu sikuxoxile oku ngelibuza ukuba ingaba yasonjululwa ingxaki yaba bantu banxiba izikipa zeANC bathi ‘Viva ANC Viva’, babe bezazi zonke iingoma neetoyitoyi. Kodwa ingaba bayiANC na?

“Singayihlaziya iANC ngabantu abagacele izikhundla? Impendulo nguHayi. Ngumngeni omkhulu lowo. Ukuba sithi asinakuyihlaziya iANC ngabantu abagacele izikhundla, singabasusa njani ke embuthweni,” kutsho uMbeki.

Obesakuba nguMongameli weANC kwanelizwe uThabo Mbeki ethetha kwindibano yantsukuntathu yeANC ephondweni eICC eMonti UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UMbeki uthi ngo1997 kwinkongolo yeANC isigqibo sathatyathwa ngelithi kwiphondo apho iANC ifumene iivoti ezininzi, iiNkulubaphathiswa (Premiers) ziza kukhethwa ngokufanayo nabaPhathiswa bakaZwelonke (Ministers).

“Nakukhumbula ukuba kwiphondo laseFreyistata kwakukho iiNkulubaphathiswa ezibhinqileyo uMme Direko, Beatrice Marshoff. UAce Magashule wayengusihlalo weANC ephondweni [laseFreyistata], kodwa kwabonakala kuthi ukuba asinakumchonga njengeNkulubaphathiswa. Ngoko ke wahlala engusihlalo wephondo kuba iANC yayimkhethile. Kodwa la nkqubo yayityakatywe ngo1997 sasithetha ukuba singasithabatha isigqibo sokuba.

“Uqabane uOscar uthethile ngale nto, futhi wayithetha kakuhle ngokuchanekileyo, watsho ukuba ukuzidibanisa (ukuba ngusihlalo uphinde ube yiNkulubaphathiswa) kugwenxa. Le nto yatshintshwa ePolokwane ngo2007 kusithiwa [konqenwa] amaziko amabini olawulo [Two Centres of Power]. Ayikho into enjalo [yokuba kukho amaziko amabini olawulo], lo nto yayenziwe nje ukufezekisa iinjongo ezithile,” utshilo uMbeki.

Njengoko kudala kusitshiwo, kutsho uMbeki, iANC ngumbutho wabantu. “Thina singamalungu wayo. Ngoko ke akukho mntu onelungelo lokuyenza yekeyeke okanye ayitshabalalise. [UMabuyane] uthe kufuneka sinyaniseke omnye komnye. Singaqhathani sithethe inyaniso,” utsho uMbeki.

Malunga nokutyelelwa nguMbeki, uMabuyane uthe: “Sibe nenyhweba yokuhanjelwa ngobesakuba nguMongameli (Mbeki). Kuninzi esikuvunileyo kuye kwezi ntsuku besihleli naye.”

“Sisafuna ixesha elininzi naye. Usibuze imibuzo egqogqa indlebe esinyanzela ngelithi masicinge ngokuqiqileyo malunga nezigqibo esizithathayo kwiindibano nakwiinkomfa zethu,” utshilo uMabuyane.

UMbeki uthi le ndibano yaseMpuma Koloni ibisesisiqalo nje. “Ndivuyile ukubona amalungu ePEC (isigqeba sephondo) esithi afuna ukuqala ngokweziqu zawo ekulungiseni iANC.”