Mbeki: ‘Ndandingenakuhambisa umyalezo weANC wobuxoki’

OBESAKUBA nguMongameli weANC nelizwe, uThabo Mvuyelwa Mbeki, uthi wabona ukuba makangathabathi inxaxheba kwiinkqubo zokugaya inkxaso zeANC izihlandlo ezine kuba engafuni ukuba yinxalenye “nomyalezo wobuxoki”.

Ebethetha e-ICC eMonti ngoMvulo kusuku lwesithathu nelokugqibela lwendibano yesigqeba seANC saseMpuma Koloni. UMbeki ebeyinxalenye nale ndibano ukusukela ngoMgqibelo.

Kwintetho yakhe uMbeki uthe: “Ndiyathemba ukuba abantu abazange bayiqaphele into yokuba ngonyulo luka2009 andizange ndiyigayele inkxaso iANC, kodwa ndayivotela. Nangonyulo loomasipala ngo2011 andizange ndiyigayele inkxaso. Nangonyulo luka2014 noloomasipala ngo2016 andizange ndigaye inkxaso. Kodwa ngonyulo luka2019 ndiye ndayigayela inkxaso iANC.”

“Isizathu sokuba ndingayigayeli inkxaso kule minyaka (2009, 2011, 2014, 2016) kungenxa yokuba isikhokelo seANC sasikhokelisa umyalezo wobuxoki. Lo myalezo wobuxoki yayingulo wawusithi ‘We have a good story to tell [Sinebali elimnandi lokubalisa]’. Andizange ndizibone ndizulazula ndixelela abantu bakuthi ukuba ‘Sinebali elimnandi lokubalisa’ kuba sasingenalo. Sasingenabali elimnandi lokubalisa, kuba izinto zazingahambi kakuhle,” utshilo uMbeki.

Obesakuba nguMongameli weANC uThabo Mbeki ethetha e-ICC eMonti UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UMbeki uthi isizathu sokuba agayele inkxaso iANC ngo2019 kukuba wabona ukuba izimisele ukulungisa iziphene zayo.

“Isizathu sokuba ndigaye inkxaso ngo2019 kungenxa yomqulu wezithembiso (weANC) nowawungatsho ukuba sinebali elimnandi lokubalisa, endaweni yoko wawusithi senze iimpazamo.

“La mqulu wawuchaza ngezinto ezigwenxa ezenzekileyo, ubuqhophololo, amaziko ombuso angazisiyo iinkonzo eluntwini – wabe uphinda ukhweba uluntu ukuba makwakhiwe ilizwe, ukwatsho ngelithi ziza kulungiswa iimpazamo ezenziwe (ngumbutho). Kum lo nto yabonakala ngokuba ekugqibeleni iANC yayithetha inyaniso.”

USihlalo weANC ephondweni uOscar Mabuyane, okwayiNkulubaphathiswa yephondo, uthi bakuvuyele ukuchubelana isikhwebu noMbeki kwimiba yokuhlaziya iANC kwanokulungisa iziphene zayo.

UMbeki uthi ukuhlaziywa kweANC lelona khubalo lokusabela kwiingxaki ezijongene nelizwe.

“Usihlalo wephondo uqaban’ uOscar nonobhala wephondo uqaban’ [Lulama] uNgcukayitobi bandicela, mna noogxa bam uMax Boqwana kwakunye noSiya Gebe, ukuba ndibeyinxalenye nale nto yokuhlaziywa kombutho wesizwe. Savuma ukuba kufuneka sizile [apha ephondweni],” utshilo uMbeki.