“MHLA ndafa kwakuze kugcwale abantu abaninzi esingcwabeni sam bezokujonga ukuba ndifile na nyhani.”
La mazwi athethwa nguNicholas Tilana Gcaleka (69) obhubhele kwisibhedlele saseMonti kwiveki ephelileyo emva kokugutyungelwa ngumhlaza wedlala lobudoda.
Oku kuvakaliswe ngunyana kaGcaleka, uSandile Tilana, ngethuba kubanjwe umngcwabo weli tshantliziyo lemiba yenkcubeko eTeko Kona kuCentane ngoMgqibelo.
Umlisela nomthinjane ubuphume ngendlu ukuza kuthi ndlelantle kuMbhambatho, igama ebesaziwa ngalo lo mfo wasemaTshaweni.
UGcaleka waduma kakhulu ngonyaka ka1996 ngethuba ethatha uhambo oluya eBhritane esithi amanyange akubo avele ngephupha esithi makayokulanda intloko yeKumkani yamaXhosa uHintsa kaKhawuta, owabhubhela kumlambo iNqabara kuGatyana ngo1835 emva kokugetyengwa ngumkhosi wamaNgesi. Emva kokubulawa kwakhe uHintsa intloko yakhe yathathwa yasiwa eBhritane njengegugu lokuba abulewe amaXhosa.
USandile Tilana uchaze uyise njengomntu obekrelekrele esebenza nzima.
“Ebebathanda kakhulu abantu utata, eyithanda inkqubela. Apha kum ebesoloko esithi ‘molo Sandile ongenamfazi’.
Ubude umve xa etala esithi ‘mhla ndabhubha kwakuze kugcwale abantu bezokujonga ukuba ndifile na,” utshilo uSandile Tilana.
UMzwandile Ndzulwana owayehambe noMbhambatho ukuya kulanda intloko kaHintsa, uthi bayifumana le ntloko futhi yayigunyaziswe nangurhulumente wela lizwe.
UNdzulwana, ongumthandazeli, uthi umntu othi intloko abeza nayo asiyiyo ekaHintsa makayokuphikisa la rhulumente waseBhritane.
ULoyiso Nqevu weNkolo kaNtu, yena umchaze uGcaleka njengemboni, igqirha kwanenkcubabuchopho, esithi ibingumhlobo wakhe osenyongweni.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!