#MenAreTrash – Amadoda Ziinkunkuma Zabantu

Ukuba bekukwazeka ukugxotha umntu kwisini asiso ngekungcono kakhulu, ingakumbi kwezi ndlavini zingcolisa igama lesizwe samadoda.

Isizwe sonke kwezi ntsuku zigqithileyo besinyikima sisenzo somfana othe watshisa, wabulala intombazana ebethandana nayo. Kuthe kwakuvela eli bali ezindabeni nakwiminatha yonxibelelwano, yangumtyangampo weentetho ezirhabaxa nesimbonono esiphuma kubuhlungu beentliziyo ngenxa yesi senzo.

Wonke umntu, ingakumbi abasetyhini, banomsindo ngokuxhatshazwa ngokungenalusini kwabantu basetyhini ngamadoda abo.

Kuba ke sisisizukulwana sezobuchwepheshe, siye sonke sangena kwiminatha yezonxibelelwano phantsi kwesihloko esithi amadoda ziinkunkuma (#MenAreTrash).

Isizwe siye sahlomla ngokuhlomla phantsi kwesi sihloko; abanye bebalisa amabali abo okuhlukunyezwa ngamadoda abo, abanye bethukisa benyelisa wonke umntu oyindoda, amanye amadoda ekruneke imiphefumlo kukuthukwa engenzanga nto, abanye behambisana nesi sihloko besithi inene sisisizwe sakwandoda siziinkunkuma zokuqala nezokugqibela. Gabula Velaphi, iye yaqala apho inkathazo madoda.

Ulwamvila lomsindo wamanina ekuxhatshazweni kwawo ngamadoda luye lwavela, kwaye lingakhethanga buso bamntu lisibhijela sonke singamadoda ebunkunkumeni.

Intlungu yokuxhatshazwa kwamanina nabantwana yintlungu yethu sonke, kwaye ukuze siyoyise le mfazwe izakufuna amandla ethu sonke. Umbuzo mna endishiyeke ndizibuza wona ngowokuba, esi sihloko ibiyintoni injongo yaso?

Ingaba singanegalelo eliphucukileyo ekulwiseni ukuxhatshazwa kwabantu basetyhini? Mna ndinenkolelo ethi yonke into uyibona ngesiqhamo sayo. Masikhe sithathe nje umzuzwana sikhe siqwalasele isiqhamo sesi sihloko esithi #AmadodaZiinkunkuma.

Umntu ova kabuhlungu kugqamile ukuba avise nabanye kabuhlungu. Ligcuntswana lamadoda angoncanyelweni la axhaphaza amanina, kodwa esi sihloko siquke wonke umntu oyindoda ephela, samenza inkunkuma.

Akho amadoda aye ayamkela ukuba aziinkunkuma kunye nabo bangabenzi bobubi, kodwa kuye kwakho kwavela amanye amadoda ayiphikisayo kanobom ukuba ona azinkunkuma. Mhlawumbi sizakuthi isizwe sifa ngomntu omnye, kodwa ingathi esi isizwe sakwandoda asivumi tu ukufa ngomntu omnye.

Akhabalaze amadoda, athetha ophela esithi makungathiwa amadoda ziinkunkuma ngoba isiquka sonke lo nto.

Zalile ke izikhukukazi ezininzi ukuyenza lo nto, kodwa labe likhona iqaqobana nalapha kubo elithi awazonkunkuma onke amadoda.

Uyayibona ke ngoku ukuba esi sihloko endaweni yokuba sincede kumlo wokuxhatshazwa kwamanina sisuke ngoku savula ingxoxo-mpikiswano engazukuza nachiza kobububi sijamelene nabo? Eyona nto esi sihloko esiyenzileyo ncakasana kukusahlula endaweni yokusenza simanyane ekulweni eli dabi loxhatshazo.

Ngoku silibele kukukhombana ngeminwe yokuba ngubani inkunkuma, ngubani ongeyiyo endaweni yokuba silwe nalo krebe uqwenga amanina ethu.

Olwam uluvo luthi, esi sihloko sokuba amadoda ziinkunkuma asincedi tu ekulweni ukuxhatshazwa kwamanina. Ngoku silibele ukwenzana imisindo engenamsebenzi endaweni yokusebenzisana simlwe lo sathana ubulala iintyatyambo zeli lizwe ngolu hlobo.

Luxanduva lwam, njengendoda, ukukhusela wonke umntu wasetyhini osebomini bam. Xa ndisitsho andithi abantu basetyhini abanamandla okuzikhusela, kodwa singamadoda yindima yethu enkulu le ekufuneka siyidlalile.

Njengendoda, andinokubukela udade wethu ethandana nendoda embethayo nemgrogrisayo. Njengendoda, andinakusinyamezela isikhalo sommelwane wam imihla nezolo ebhuqwa yindoda yakhe. Njengendoda, andinakuyihlekela into yokuba umhlobo adlakathise, angcungcuthekise inina athandana nalo.

Mhlawumbi kumele sisithathe esi sihloko sisombathe singamadoda ukuba inene sizizo iinkunkuma ngokunganqandeli nokungabakhuseli oodade noomama bethu.

Mhlawumbi kufuneka sizinyamezele ezi zenyeliso nezi zithuko de kuvuseleleke isazela kuthi ngendima yethu ekuhlaleni.

Mhlawumbi kufuneka ngoku sikhe sijolise izenzo zethu ekuhlanguleni la magqiyazana kumhadi wokuxhatshazwa.

Madoda, masibakhusele esibathandayo, bangevi ubuhlungu ngezandla zethu.