Mene: Uhlaselo lwamapolisa ethu luhlaselo kuluntu

UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene. Umfanekiso: SAPS

UMkomishinala wephondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uthethe la mazwi emva kwesiganeko sakutsha nje esenzeke eMandela Park, eMthatha apho ipolisa ebelihamba ngemoto lisiya emsebenzini lidutyulwe yindoda.

ULieutenant General Mene ugxininise ukuba uhlaselo lwamapolisa luhlaselo kumbuso nakuluntu alukhonzayo, ngoko ke ubulungisa kufuneka benzeke.

Ngokweenkcukacha, igosa leNational Intervention Unit (NIU) elineminyaka engamashumi amane anesibini (42) lalisendleleni eya emsebenzini liqhuba isithuthi salo ngethuba indoda ethile iqalisa ukumdubula.

Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi eli polisa likhawuleze lamisa isithuthi salo laziphindezela ze umrhanelwa wabaleka ngeenyawo.

“Amapolisa aphendule ngokukhawuleza kwaye kuphando kamva abamba umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesihlanu (45) ubudala. Ipolisa alikhange lonzakale logama umrhanelwa efumene umonzakalo wasiwa esibhedlele ukuze afumane unyango,” utshilo uMawisa.

Umrhanelwa uzakuvela kwinkundla kamantyi eMthatha kungekudala ngetyala lokuzama ukubulala.

ULieutenant General Mene uvakalise umbulelo wakhe ngeenzame zamagosa ogcino-mthetho ekuqinisekiseni ukuba umenzi wobubi ubanjwa ngokukhawuleza kwaye uza kujongana nengalo yomthetho.