Meth: ‘Makufuywe ngeenjongo zokukhulisa uqoqosho’

Iinkunzi zohlobo lweNguni ezinikezwe amafama aseOR Tambo UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UMPHATHISWA woPhuhliso lwaMaphandle noHlengahlengiso loMhlaba eMpuma Koloni, uNomakhosazana Meth, ubongoze abafuyi bephondo ukuba bafuye ngeenjongo zokukhulisa uqoqosho.

 

 UMeth uthi nangona nje uqoqosho lubonakalisa ukudodobala okwenziwe nangakumbi yintsholongwane yeKhorona, icandelo lezolimo eMpuma Koloni libonakalise ukukhula.

 

 “Apha eMpuma Koloni icandelo lezolimo libonise ukukhula ngamashumi amabini anesixhenxe ekhulwini (27%), into ebonakalisa ukuba kuyasetyenzwa apha,” utshilo uMeth ethetha kumsitho obubanjelwe eOR Tambo ngoLwesine, wokunikeza amafama ohlobo lweenkunzi zeNguni.

 

Ezi nkunzi, ezinikezelwe kumafama aseMhlontlo naseKSD, zezokwandisa imihlambi yamafama akwibakala elisezantsi ukuze athabathe inxaxheba ekuveliseni inyama ebomvu.

 

 “Ndizise ezi nkunzi ukuze kukwazi ukwanda imihlambi. Into esiyifunayo kukuba ngokufuya, masikhulise uqoqosho. Iyasikhathaza into yokuba ithi iMpuma Koloni ibe ngungqa phambili elizweni ngobuninzi beenkomo, iigusha neebhokhwe kodwa sibe kwindawo yesihlanu elizweni xa kuthelekiswa amaphondo avelisa inyama ebubomvu,” utshilo uMeth.