Mfake ibele mdlezane!

Le yiveki yokuhlonipha nokuqaphela ukuncanciswa kweentsana ngoonina kuba oku kukutya kokuqala okunikwa usana xa luzelwe. Ukuncancisa umntwana ibele yenye yeendlela zakudala zokuqalisa ukukhulisa umntwana.

Umbutho wezizwe ezimanyeneyo ukhuthaza abantu behlabathi ukuba bakwamkele ukuba ubisi labadlezane yenye yeendlela eziphambili zokukhulisa umntwana.

Iveki yokuqala kwinyanga yeThupha imiselwe ukunika imbeko, ukuqaphela nokukhuthaza abadlezane ukuba baqine ukuncancisa iintsana zabo.

Ukuncancisa abantwana ibele yenye yeendlela ezilula athi wonke ubani afikelele kuyo ngaphandle kokudleka.

Okona kuphambili kukuba abadlezane batye izinto ezikhuthaza ukuba ubisi luphume okanye bohlise ukuze zincance iintsana zabo.

Iingcali zempilo yabantwana ziyangqinelana ukuba ngaphandle kwamathandabuzo ukuncanciswa kwabantwana ibele kunesondlo esimandla.

Ngaphambi kokuba kufike iimveliso zokutya kwabantwana ezithengiswa ezivenkileni ngoku, oomama bebesondla iintsana zabo ngobisi lebele.

Iingcali zempilo yabantwana zithi ubisi lebele labadlezane liqulethe izakha mzimba ezidingwa ngabantwana kumanqanaba okuqala empilo yabo.

Kuthiwa ubisi lebele luqulethe izakha mzimba eziquka iiprotheni, iicarbohydrates, namafutha adingwa ngumzimba wosana kwakunye neeminerali.

Ubisi lebele lomdlezane liqulethe izithako eziqinisa amajoni omzimba, oku kubaluleke kakhulu kwiintsuku zokuqala zokuzalwa komntwana.

Ubisi lebele lubangela ukuba ingqondo yomntwana ikhule ngokufanelekileyo nangendlela eyenza ukuba abengumntu omdala onengqondo ezinzileyo. Olubisi likwadlala indima yokuthintela ukungena kwezifo ezininzi ebantwaneni abancinci.

Ukuncancisa kukwanceda umdlezane ukuba akhawulezise ukuphila kwiintlungu ezandulela ukubeleka kwakhe.

Kukhuthazwa abadlezane ukuba baqalise ukunancisa iintsana zabo ukusukela ngomhla wokuqala kude kube ziinyanga ezintandathu, kanti ukuqhubeka kubalulekile ukuze akhule eqinile umntwana.