“Mgcineni entolongweni umfama!”

Abaqhankqalazi phambi kwenkundla yamatyala Umfanekiso: Unathi Tuta

“Ngubani oxelele umfama ukuba abulale okanye axhaphaze umsebenzi wasefama? Mgcineni entolongweni!”

Le yingoma ibiculwa ngabasebenzi beefama ngaphandle kwenkundla kamantyi eVredendal ngoLwesine izolo, nalapho bekuvele khona umfama otyholwa ngokubulala.

UMartin Visser oneminyaka engamashumi amane anesibini (42) ubudala ujamelene nezityholo zokubulala ze angcwabe umsebenzi wasefama uAdam Pieterse owayeneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) ubudala.

Oku kuza emva kokufunyanwa komzimba ka Pieterse sele ubola kwingcwaba elingenzulu kwifama kaVisser emva kwesithuba senyanga enye echazwe njengomntu olahlekileyo. Umfi wafunyanwa umzimba wakhe kweyoKwindla kunyaka odlulileyo emva kokuduka kweyoMdumba kwakuwo loo nyaka.

Umrhanelwa yena ubanjwe emva kwenyanga ezilishumi elinesibhozo wafunyanwa umzimba. Iingxelo zidiza ukuba ukubanjwa kwalo kukhokelelwe ngamatshantliziyo alwela amalungelo abasebenzi basezifama.

Omnye wala matshantliziyo nguDavine Cloete oneminyaka engamashumi amane anesibhozo ubudala. UDavine uthi “umsebenzi wethu unzima kuba uninzi lamafama awafuni ukuba sifundise abasebenzi ngamalungelo abo, mna ubomi bam busesichengeni kuba ukubanjiwe kukaVisser kungenxa yokuba ndathumela imibuzo kwigunyabantu lotshutshiso eKapa.”

Uqhube wathi akafumani mvuzo kwaye akanangxaki noko kuba ufuna ukuqinisekisa ukuba abasebenzi basefama baphathwa ngendlela ephucukileyo kwaye kunciphe neziganeko zokuxhatshazwa nokubulawa kwabo ngamafama.

UVisser usengaphakathi eluvalelweni lwamapolisa sukela oko ebanjwe kwinyanga ephekileyo. Icandelo lotshutshiso liyaphikisa ukuba akhululwe ngebheyile lo kaVisser.

Umantyi ochophele ityala umnumzana Kroutz kulindeleke ukuba asiwise ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo isigqibo sakhe ngalo mba webheyile.