Mhla wazibhaqa utshisa isikolo

Yiba nomfanekiso-ngqondweni wabafundi abangamantombazana bevuswa ebusuku kusithiwa isikolo sabo siyatsha; mabathathe amapheyile bayokuncedisa ukudwanguza loo malangatya. Nyani bavuke abantwana bayokuncedisa. Sisinde isikolo; kutshe nje igumbi lokuhlala lootitshala kunye negumbi lokugcina iincwadi ezintsha nezindala.

Ibiyilo nto eMount Arthur Girls High, phaya eLady Frere. Asikafumani siqinisekiso sigunyanzisiweyo ngonobangela wokutsha kwala magumbi kwesi sikolo. Kurhaneleka ukuba iye yayingxaki yombane. Kuphinde kubekho nezimvo zabafundi ezithi sitshiswe ngamakhwenkwe aselalini esi sikolo. Isizathu? Amantombazana esa sikolo azenza bhetele, awafuni ukujola namakhwenkwe akwezinye izikolo. Ayisosizathu sibambekayo ke esi, kwaye singangabokuqala ukusikhabela pha kude sithi khanizeni nesinye.

Umntu mhla wazibhaqala etshisa isikolo aboze azi mhlophe ukuba ungenile kwinqanaba lokuba yindlavini. Kwimbali yethu, phambi kokuba sizuze inkululeko kweli loMzantsi Afrika, zazixhaphakile iziganeko zokutshiswa kwezikolo. Oku ayikokuthi abantu ngoko babeziindlavini, babeqhutywa ziimeko, besilwa umcinezeli nezifundiso zakhe kwizikolo zangoko.

Xa umntu etshisa into okanye indawo ebalulekileyo umntu wayesazi ukuba uzakufumana isihoyo ngoko nangoko. Kodwa wayezibetha, ngoba ngengomso yayingazokubakhona ikliniki, isikolo okanye nayiphi na lo ndawo bayitshisileyo.

Siyabona nangoku ukuba izikolo ingathi ibayindawo yokuqala abahlali abakhuphela kuzo umsindo wabo xa bengonelisekanga ziinkonzo zikarhulumente. Abazali nabahlali ngokubanzi baye banyanzelise ukuba kuvalwe izikolo xa beqhankqalaza; abantwana mabangayi esikolweni de iimfuno zabo zifezekiswe.

Yindlela enjani yokucinga le?

Ingaba mhlawumbi isikolo ayiyondawo ihloniphekileyo? Kufuneka siyilwe le nto yokukhutshelwa komsindo ezikolweni, noko yona kukubulala ikamva labantwana. Sakulilandela ela bali laseLady Frere, sibuye siniphakele owona nobangela wala mlilo xa kuthe kwagqitywa uphando. Ngethemba lokuba ibingesosikhwele nyani.