Mihlanu imibutho eza kuthatha inxaxheba kurhulumente wobumbano

Ngethuba uMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa egaleleka kwintlanganiso ekhethekileyo yeANC NEC kwihotele iCape Sun, eKapa, ​​eNtshona Koloni. UMFANEKISO: REUTERS/Nic Bothma

Imibutho emihlanu yezopolitiko ityikitye ngokusesikweni ingxelo yeenjongo zokuthatha inxaxheba kurhulumente wobumbano kazwelonke.

Umbutho weAfrican National Congress (ANC) ubhengeze oku ngoMvulo.

Isithethi seANC kuzwelonke, uMahlengi Bhengu-Motsiri, uthi imibutho eza kuthabatha inxaxheba kurhulumente wobumbano kazwelonke yiDemocratic Alliance (DA), Inkatha Freedom Party (IFP), GOOD, kunye nePatriotic Alliance (PA).

Iyonke le mibutho iza kwenza izihlalo ezingama273 kwiNdlu yoWiso-mthetho kaZwelonke okanye i68% yezihlalo kwiNdlu yoWiso-mthetho kaZwelonke.

“Iingxoxo neminye imibutho ziyaqhuba ngomoya wokuqukana. I-ANC kwakhona ithatha eli thuba ukumema amaqela ezopolitiko agqibe kwelokuba angazibandakanyi kweli phulo ukuba aphinde athathele ingqalelo kwaye azibandakanye norhulumente wobumbano kazwelonke,” utshilo uBhengu-Motsiri.

UBhengu-Motsiri uthi iziphumo zolonyulo luka2024 apho iANC yafumana i40% yevoti kuzwelonke kwaye yajongana nemingeni eGauteng naKwaZulu-Natal, yanyanzeleke ukuba isebenzisane neminye imibutho ukuqhubela phambili izicwangciso zayo zenguqu.

“Eli nyathelo lentsebenziswano lisekelwe kwimithetho-siseko engundoqo, equka ukuxhasa umgaqo-siseko kunye nomthetho, ukukhuthaza ukungacaluli ngokobuhlanga nokungacaluli ngokwesini, nokuqinisekisa ubulungisa kwezentlalo, ulungiso, impatho enobulungisa, nokupheliswa kwentlupheko,” utshilo.

UBhengu-Motsiri ubalule ukuba injongo yabo kukukhuthaza ukwakhiwa kwesizwe, intsebenziswano yoluntu, kunye nomanyano kwiyantlukwano lo gama kugcinwe uxolo, uzinzo kunye noluntu olukhuselekileyo.

“Urhulumente wobumbano kazwelonke uya kuqinisekisa ukumelwa kurhulumente nakwizindlu zowiso-mthetho yiyo yonke imibutho ethatha inxaxheba, bethatha izigqibo ngokuvumelana, kunye neendlela zokusombulula ungquzulwano apho kuyimfuneko.

“UMongameli uya kusebenzisa ilungelo lakhe lokutyumba Abaphathiswa, ngokubonisana neenkokeli zikarhulumente zemibutho wembumbano kuzwelonke, ethobela imigaqo esele ikho yokuthatyathwa kwezigqibo nohlahlo lwabiwo-mali lukarhulumente,” utshilo.

UBhengu-Motsiri ukwazichithile iingcinga malunga nemibutho ephikisayo ekuthiwa zizakugqumelela umbono weANC. Ngelixa ebethelela ukuba izinto eziphambili kurhulumente wobumbano kazwelonke zihambelana ngokupheleleyo nezibophelelo kunye nemigaqo-nkqubo yeANC ekudala ikho.