Miss Amathole: Kubi kunobuhle waseQonce

U-Amanda kowabo ngethuba etyelelwe liSolezwe umfanekiso: Facebook

Emva kokuphoxwa ngumasipala waseAmathole owayemthembise ngemoto emva kokuphumelela uMiss Amathole Heritage kunyaka ophelileyo, unobuhle waseDimbaza eQonce uAmanda Masteki (20) usecicini lokungathabathi inxaxheba kumsitho kaMiss Heritage South Africa International.

UMasteki waphumelela isithsaba sikaMiss Amathole Heritage kunyaka ophelileyo apho ibhaso elikhulu yayiyimoto, kodwa ngenxa yobuqhopholo bokutyiwa kwemali nokungabikho kwenyani eAmathole, akakayifumani lo moto kwaye nevawutsha yokuthenga awayeyinikiwe yade yaphelelwa ingasebenzanga kuba kufuneka athenge kwivenkile eseGoli kuphela ngayo.

Into awayifumanayo yiLaptop kuphela eAmathole. Ngoku uMasteki ucela inkxaso yemali kumasamariya aseMpuma Koloni ukuze ayokuthabatha inxaxheba kuMiss Heritage South Africa International eBloemfontein ngomhla wamashumi amabini anesithathu kule nyanga.

Sithetha nje yimali engapha kwamawaka amathandathu ekufuneka enayo ukuze abe uyakwazi ukuya eFreyistata kukhuphiswano lweenzwakazi zeli loMzantsi Afrika.

Le mali iquka eyokukhwela, eyokutya, eyokulala, eyelokhwe, izihlangu kuquka nezinto zokuthambisa ubuso engekabikho etafileni.

Uthi ngaphandle koncedo lukaNkosana Burns-Ncamashe weNdlu yeeNkosi zoMthonyama ephondweni, ngengekafumani kwanto kuncedo ekuthwe mabaye nalo eFreyistata.

Uthi kunjalo akukho nanye into ezakumtyhafisa ekubeni angaqhubekeki nokungenela oonobuhle.

UMasteki sele ecela inkxaso kulowo unokuthi asikwe yinimba amxhase kwezinye zezinto ezifunwayo ukuze abe uyaya kuhambo lwakhe. “Ndithe emva kokulinda ixesha elide kwileta endandiyifakele umasipala wase-Amathole ndayokuziqondela, kulapho ndifike umasipala esithi akazukwazi ukundinceda ngenxeni yezizathu zokubanjwa komsunguli wenkqubo uNanziwe Rulashe.

Emva kokuphoxeka eAmathole ndiye kumasipala iBuffalo City apho usodolophu uye wadiza ukuba nditsho ngexesha elifutshane uncedo andizukwazi ukulifumana,” utshilo uMasteki.

Ukwadize ukuba kumagingxi-gingxi anawo akazukutyhafa kuba uyakuthanda ukungenela oonobuhle. UMasteki ungowesithathu kubantwana beli phondo leMpuma Koloni abayokungenela kwela phondo uMiss Heritage South Africa.

Kuyahanjwa ngomhla we-17 kule sikuyo inyanga, usuku olukhulu lona lukwimpelaveki ye-23.

UMasteki uphuma kwikhaya elingazithatheli ntweni njengoko bexhomekeke kumama wabo kuphela, mama lowo ungaphangeliyo. UZukiswa Masteki umama wakhe uthi uziva buhlungu ngokungabi nanto.

“Ngekude umntwana wam ukuba bendithatha entweni, andinanto nam. Kubuhlungu umntwana alile kuwe mzali ube kungekho nto uzakumnceda ngayo. Umalume wakhe obenceda umntwanam ngulo uvele wabhubha,” utshilo uZukiswa.