Mkhize: ‘Aseza kuqhubeka esonyuka amanani weCovid-19 eMpuma Koloni’

UMphathiswa wezeMpilo ephondweni uSindiswa Gomba kwakunye noMphathiswa uGqr. Zweli Mkhize UMFANEKISO: Facebook
UMphathiswa wezeMpilo kuzwelonke uGqr. Zweli Mkhize uthi umsantsa okhoyo ekukhangeleni abantu abasondelelene nabo banentsholongwane yeKhorona eMpuma Koloni yinto exhalabisayo.
Oku kwenza kubenzima ukunqanda ukunwenwa kwentsholongwane yeKhorona, utshilo uMkhize esithi undoqo kukunqanda ukunwenwa.

Ukuqubisana noku, amagosa kufuneka ahambe ngesantya esiphezulu ukuqinisekisa ukuba bafunyanwa ngokukhawulezileyo abo bathe basondelelena nabantu abafunyaniswe benentsholongwane yeKhorona.

“Sixhalabile kuba amanani wentsholongwane yeKhorona eMpuma Koloni aseza kuqhuba esonyuka. Intsholongwane iseza kuqhubeka iphakathi kwethu, futhi kungade ibeyiminyaka emibini,” utshilo uMkhize.

UMkhize utyelele izibhedlele ezithathu ngoLwesine eMpuma Koloni, eyokujonga umgama ohanjiweyo kuquka nondonakele kumbandela wentsholongwane yeKhorona. Ezi zibhedlele sesaseGcuwa, esaseMthatha nesaseLibode.

UMkhize ephelekwa nguMphathiswa wephondo kwezeMpilo, uSindiswa Gomba, utyelele kwisibhedlele saseGcuwa ngentsasa yangoLwesine.

Isibhedlele saseGcuwa ngamanye wamaziko anemicelimngeni kule ntsholongwane, besithi abasemagunyeni abaluthatheli ngqalelo ukhuseleko lwabo. NgoMvulo kubhubhe umongikazi kwesi sibhedlele ngenxa yentsholongwane yeKhorona. Ebhubha nje lo mongikazi ebephangele ngoLwesihlanu.

NgoLwesine abantu abanentsholongwane yeKhorona ephondweni bangama-7 868.

Ukanti ngoLwesihlanu uMkhize uza kudibana neNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane, apho kulindeleke ukuba athabathe inxaxheba ekunikezelweni kwezithuthuthu zokuqinisa ukusabela kwamagosa ezempilo kwimiba yonyango noncedo lwezempilo.