Mkhize: ‘Ingxaki ikhona, iyanda le ntsholongwane’

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane kwindibano noMphathiswa uGqr. Zweli Mkhize UMFANEKISO: EC OTP
UMphathiswa wezeMpilo kuzwelonke uGqr. Zweli Mkhize uthi intsholongwane yeKhorona ixhalabise wonke umntu kwaye uluntu maluyazi ukuba lungayifumana xa lungazikhuseli ngendlela. 
UMkhize ebethetha neenkosi eNqadu kuGatyana ngoLwesibini ngethuba lo Mphathiswa ebeyokuthethana nabantwana begazi ngeendlela zokunqanda ukunwenwa kwale ntsholongwane.
Lo kaMkhize uthi ukuvalwa kokuhambahamba kwabantu kuncedile kakhulu ekuthinteleni isantya sale ntsholongwane. 
“Sikwazile ukuyinciphisa le ntsholongwane. Isincedile le Lockdown, kuba mhlawumbi ngesikumawaka asixhenxe (7 000) ngoku wabantu abosulelekileyo.”
UMkhize ukhumbuze abantu ngezinto ezifana nokuhlamba izandla nokuzikhwebula ekuxhawulaneni njengendlela zokuzisindisa ekosulelekeni yile ntsholongwane. 
“Abantu abaninzi abanazimpawu zokugula yile ntsholongwane. Ingxaki ngabo bantu abe behleli benezigulo abanazo, le ntsholongwane ifika ibahlasele nangakumbi.
“Le ntsholongwane ikhona futhi abanye bethu baza kuyifumana. Enye ingxaki ngabantu abasuka eNtshona Koloni besiza eMpuma Koloni, kuba ngalo ndlela banokuyisasaza le ntsholongwane.”