Mkrokrele nokuba unxibe iimpahla zesipolisa

Amapolisa aseMonti alumkise uluntu ekubeni luhlale luthe qwa xa bemiswa ngabantu abathi bangamagosa asesipoliseni.

Isithethi samapolisa uKapteni Mluleki Mbi uthi, uluntu ngalo lonke ixesha maluhlale lucela iimpepha, okanye into ebonisa ukuba lowo ulipolisa.

Oku kulandela emva kokuba kuthe kwahlaselwa kakhulu amafama akwingingqi yaseMonti ehlaselwa ngabantu abazibiza ukuba ngamapolisa.

UMbi uthi, ukuba umntu unxibe impahla yesipolisa, oko akuthethi ukuba lipolisa elo.