Mncede, uxakwe kukuphakamisa iflegi yoMzantsi eNew York!

UHlumelo Zatu oyimodeli nobekhuphisana nabanye kwi-International Talent Showcase

INDLELA eya eMelika ithande ukuba mxinwa kwityendyana laseMdantsane ekulindeleke liyokuphakamisela phezulu iflegi yoMzantsi Afrika phakathi kwamanye amazwe.

UHlumelo Zatu, 20, ukhethwe phakathi kweemodeli ezikuma300 ebezikhuphisana kwi-International Talent Showcase ebibanjelwe eSilverstar Casino eKrugersdorp kweyoMsintsi kunyaka ophelileyo.

UZatu, ohlala kwilokishi yaseUnit P eMdantsane, uza kumela ilizwe eNew York ngoJulayi walo nyaka ka2020. Apho uza kube ebonisa ngokufaneleka kwakhe kwiintengiso zikamabonakude, ifashoni, iimpahla zemidlalo kuquka nakwezomculo kwi-IMTA 2020.

Kodwa ngoku okungumqobo kwindlela kaZatu, ongumfundi weChemistry eNMU kwiKhampasi eseGeorge, yimali yokuya eNew York.

UZatu utyelele iiofisi zephephandaba I’solezwe lesiXhosa ngelicela uluntu ukuba lufake oko lunako engxoweni ukuze abenako ukuqokelela imali engange R75 980 000 eza kumfikisa eMelika.

“Ndikhangela abantu abanokundixhasa ngokwemali kolu hambo lwam. Owona mnqweno wam ngowokuba umntu ngamnye andiphe imali engange-R77. Umntu angandipha kangangoko anako,” kutsho uZatu.

UZatu uqale kwezobuhle (modelling) ngo2018 ngethuba ephumelela uMr and Miss George NMU nalapho wathi waphuma kwindawo yesibini.

Xa ehleli yedwa uthanda ukuzifundela iincwadi kwaye acule.

Uthi unethemba lokuba oku kukuqala kokuqaqamba kohambo lwakhe njengemodeli.

Ofuna ukunceda uHlumelo afikelele eMelika ukuze amele uMzantsi Afrika, angafaka loo mali anayo kule akhawunti:

FNB Cheque Account;

Inombolo yeAkhawunti: 624 920 18869

Ikhowudi yeBrantshi: 251 655

IReference: Hlumelo Zatu