Mnquma: Ukulungiswa kweendlela kulibazisekile

Imingxuma kwindlela esuka eMchubakazi ukuya kwidolophu yaseGcuwaUmfanekiso: BHEKI RADEBE

UMASIPALA waseMnquma uvumile ukuba nangona nje wathabatha isigqibo sokulungisa iindlela ezikwimeko embi kulo masipala, kukho ulibaziseko.

Oku kuza emva kwenqaku elipapashwe liphephandaba I’solezwe lesiXhosa kunyaka ophelileyo, apho abahlali baseMnquma badandalazise ukukruquka yimeko yeendlela ezinendonga, nesele ilithuba elivisayo zingalungiswa.

Ukusuka kwilokishi yaseBika, ukuya eVuli Valley, eCuba, Mchubakazi naseMsobomvu, iindlela zezi lokishi zenza kubenzima ukuqhuba imoto.

Kunjalo nakwiilali zalo masipala eGcuwa, eNgqamakhwe nakuCentane. Kwindlela eya eThongwana eGcuwa, kukho amadama endleleni, enza kube nzima ukuqhuba imoto.

Ilungu lePalamente eBhisho kwiDA uVeliswa Mvenya, inzalelwane yaseMnquma, uyichaza ngolu hlobo imeko yeendlela eGcuwa.

“Ukuphuma nje endlwini, imoto iyabetheka, andithethi ke xa sele usendleleni kwezi lokishi zaseGcuwa, uphephana nezigingqi. Yintoni le nto lo masipala engalukhathalelanga ngolu hlobo uluntu lwalo masipala,” kubuza uMvenya.

Isithethi somasipala waseMnquma uLoyiso Mpalantshane, uthi lo masipala wathabatha isigqibo sokugxila kumsebenzi wokulungisa iindlela zaseMsobomvu, Extension 7 naseMchubakazi.

“Umasipala usazimisele kweli phulo nangona nje siye safumana ulibaziseko,” utshilo uMpalantshane.

UMpalantshane uthi uyaqhuba umsebenzi wokungciba izigingqi kwiindlela zaselokishini, kuquka nokutsheza kwanokufaka ilitye kwiindlela zasezilalini.

Nangona nje ethetha oku uMpalantshane, akucaci ncakasana ukuba kwenzeka kweyiphi indawo oku eMnquma nanjengoko ilithuba elide iindlela zeelokishi zaseGcuwa zinezigingqi.

Kumba obukhalazelwa ngabahlali wenkunkuma engacholwa ngendlela eyonelisayo, uMpalantshane ukhuthaze abahlali baseMnquma ukuba batsalele inombolo engu 047 401 2400 xa bebona inkunkuma engacholwanga.

“Sicela abantu bakuthi ukuba bayilondoloze inkunkuma, bangayilahli nje kuba oko kuneziphumo ezibi kwimpilo yabo.”

UMpalantshane uthi lo masipala uxakekile wenza iindlela ezintandathu zakwiilali.

“Ezi ndlela yesuka eMpahleni Village (9.1km) kuGubevu nakuSawutana (4.5km), eNgqamakwe. KuCentane kwenziwa indlela esika eMacibe (6km) naseNgqwarha (3km). EGcuwa, kwenziwa indlela esuka eBlue Sky (6km) naseNgxalati Village (1.8km).”