Mnu. Mabuyane sifuna intshukumo

Intetho yobume bephondo kaNkulumbuso uOscar Mabuyane yenza ithemba ngenxa yokugxila kwayo kuhlumo loqoqosho nasekudalweni kwemisebenzi.

Isibhengezo semizimveliso emitsha eMonti kwanomthamo wesiza soshishino saseCoega, eBhayi, wokutsala abatyalizimali yinto efanele ukwamkelwa.

UMabuyane uphinde wabhengeza ukuba, okokuqala ezimbalini, amakomkhulu asixhenxe obuKumkani baseMpuma Koloni aza kwabelwa imali. Yinto enkulu kakhulu le, kuba kudala amakomkhulu eli phondo ekhala ngelithi akahoywanga ngurhulumente, besitsho ngelithi KwaZulu Natal uKumkani Goodwill Zwelithini yena uyasifumana isabelo semali kurhulumente.

Kodwa eyona nto sifanele ukugxila kuyo kule ntetho kaMabuyane yile yodalomisebenzi, kuba lo ngumba otshisa ibunzi.

Izinga lentswelongqesho eMpuma Koloni liphezulu kakhulu. Abantu beli phondo bayahamba baye kwamanye amaphondo beshiya iphondo lilambatha kwizakhono. Ngelishwa uMabuyane akakhange anabe ukuba oku kuza kunqandeka kanjani.

Ngokomzekelo iNkulumbuso ithi izicwangciso kukukhulisa uqoqosho ngomyinge wesihlanu ekhulwini (5%) ngo2030. Iza kwenzeka njani lo nto kuba iBhanki enguVimba ithi uqoqosho lwelizwe alizukufika kumyinge wesibini ekhulwini (2%) kule minyaka mithathu izayo.

Yintoni ke enokubangela ukuba abantu beli phondo bahlale apha, bangayi kwamanye amaphondo? Ilula impendulo kulo mbuzo. Bakuhlala xa beyazi ukuba ikamva labo liqinisekisiwe. Ukuqinisekiswa kwekamva ke kukuba ubani asebenze.

Sele sifundile kwiimpazamo zangaphambili zikarhulumente ukuba masihlabe sikhangele, singaqhwabeli izibhengezo koko siqhwabele intshukumo eyenziwayo nenjongo zayo ikukutshintsha iimpilo zoluntu.

Lilonke sithi ke Mnu. Mabuyane xa ubhengezile makulandele umsebenzi. Makungabhengezwa emva koko kusongwe izandla.

Mnu. Mabuyane libala ngayo nayiphi na into, ujonge ukuhluma koqoqosho kuba kukuhluma koqoqosho okuza kukhokelela kwimisebenzi.