Mnye kuphela ugqirha kwisibhedlele saseCanzibe

Isebe lezempilo eMpuma Koloni lithi liyisombulule inyewe yokunqongophala koogqirha kwisibhedlele saseNgqeleni.

Oku kuza emva kwengxelo zakutshanje zokuba isibhedlele iCanzibe esiphakathi kwedolophu yaseNgqeleni kwakunye neLibode sinogqirha omnye.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi sesebe uSizwe Kupelo ithi kwisibhedlele esi kuye kwabeka phantsi oogqirha abahlanu kwaze kwashiyeka lo umnye.

“Isebe liye lenza iinzame lathethana nesibhedlele saseZithulele eMqanduli kwafumaneka oogqirha ababini okwethutyana abancedisa lowo uye washiyeka yedwa eCanzibe.

“Ogqirha abazakuqeshwa ngokupheleleyo kwesi sibhedlele saseCanzibe bathathu kwaye kulindeleke ukuba baqalise kungekudala,” utshilo uKupelo.

Ngokwengxelo yakutshanje yophando lweprojekthi ejongene nezempilo ezilalini (Rural Health Advocacy Project) idize ukuba iCanzibe iyonke ijongene nogqirha omnye osisigxina ababini abancedisayo babolekwe kwizibhedlele ezikufutshane.

Isithethi seRural Health Advocacy Project, uMarije Versteeg-Mojanang uthi obekubaxhalabisile kukuba xa kumke abagqirha babolekiweyo, izigulane ziza kushiyeka zingenaye ugqirha.

“Ukunqongophala koogqirha eCanzibe ayinguwo wodwa umceli mngeni, nokungabikho kweengcali zokunyanga ezijongene neemfuno zabantwana kwakunye nabantu abadala nabaphila nenkubazeko yenye ingxaki. Oku kubabangela abantu ukuba baye kwezinye izibhedlele ezikude bechitha imali yabo enqongopheleyo ukuyokufumana uncedo,” utshilo uVersteeg- Mojanang kwimbalelwane yakhe.

Isebe lezempilo lipapashe izithuba zengqesho, ukulwa ukunqongophala koogqirha.