Molweni mizi egcina izidumbu

Imizi egcina izidumbu, ubuninzi bayo le yabucala, yenza umsebenzi ontliziyo zityumkileyo kwabo (clients) banike ishishini le mizi.

Ukufa akuqheleki. Uthi umntu nokuba ebesele engabonwa njengonexabiso, athi akubhubha kuqalwe kukhunjulwe izehlo zokuphila kwakhe emhlabeni, ingakumbi ezo zakhayo okanye ezintle.

Ngoko ke xa abantu ababhujelweyo betsalele umnxeba umzi wabangcwabi, imizi yabangcwabi mayichule ukunyathela iyazi ukuba ayiqubisani nabantu abathenge izitena zokwakha okanye amalaphu etafile.

Apha kuthethwa ngeentliziyo ezityumkileyo. Kungatshiwo ke ukuba kufuneka baphathwe ngendlela engafanelekanga abo bathenge izitena zokwakha okanye amalaphu etafile. Into ekunayo kukuba ezi zinto zohlukile.

Siphakamisa oku ngenxa yokuqaphela ukungaphatheki kakuhle kweentsapho yimizi yokugcina izidumbu. Oku kugqame kakhulu ngeli xesha lokuvalwa kweentshukumo elizweni (Lockdown) apho imizimba yabantu bekungavumelekanga ukuba ibonwe emotshwari. Imizimba yabantu ibilahleka, futhi kufumaniseke ukuba ingathi akukho nto yenzekileyo kwimizi yokungcwaba.

Umbuzo ngowokuba umzi wabangcwabi uya njani emzini ulayishe isidumbu esingesiso. Ingqiniseko yenziwe njani?

Ingakumbi xa lo mzi wabangcwabi usazi ukuba usapho khange luwukhombe umzimba.

Akukho lula kusapho ukufumanisa ukuba bangcwabe umntu ongenguye, ingakumbi xa nalo mzimba ongowona wenu ningayazi ukuba ungcwatywe phi. Oku kushiya iintliziyo ezityumkileyo, abosapho balile okwesibini.

Oku kuveza ukungakhathali kweemotshwari okuthe kwabhentsiswa yintsholongwane yeKhorona. Kudala imizi yabangcwabi yangakhathali, kodwa iye yaqatsela kweli xesha lale ntsholongwane.

Oku akuthethi ukuba yonke imizi yabangcwabi ayikhathali. Isekhona ekhathalayo, eyenza ubani azive exolile kukushiywa sisihlobo ngenxa yokuba ephetheke kakuhle kuloo mzi wabangcwabi.

Kuleyo ingakhathaliyo ngentlungu yokubhujelwa kwabosapho, sithi kuyo ‘molweni!’ Sicela nilungise indlela yokuphatha abantu abaninike ushishino.