Mongameli, silindele ngaphezulu kwezithembiso kuwe

Nakulo nyaka, uMongameli Jacob Zuma kulindeleke ukuba avuselele ithemba lempilo engcono kwintetho yakhe yokuvula ipalamente namhlanje.

Kulindelwe lukhulu okugxininisa kwimigaqo-nkqubo ejongiswe ekuphuculeni ezoqoqosho kunye nomgangatho wentlalo yethu sonke kusetyenziswa amagunya anikezwa urhulumente nguMgaqo-Siseko, imithetho ewiswe yiPalamente kule minyaka ingaphezulu kwamashumi amabini ilizwe lakhululekayo, inkqubo ehlaziyiweyo yokuphunyezwa kwezicelo zamaphepha-mvume okurhweba nokushishina kwamashishini amakhulu nasakhasayo, ukulandelwa kwezigaba ngezigaba eziza nenguqu kwiinkampani ezikwi BBEEE, uhlahlo lwabiwo-mali kunye nohlobo urhulumente athenga ngalo iinkonzo ezingundoqo koosomashishini, ukusebenza ngohlobo olungenalahleko kwamashishini karhulumente kunye namaqumrhu abolekisa ngemali yophuhliso lwezoqoqosho, kunye nokukhawuleziswa kokuqaliswa kweenkqubo ezingundoqo ekuza kuchithwa kuzo imali zikarhulumente kulo nyaka siwuqalayo.

Oku kubalulekile njengoko kumaphondo asixhenxe asele ehanjelwe kwezi nyanga zintathu zidlulileyo ligqiza elikhokelwe ngowaye sakuba ngumongameli weli uKgalema Motlanthe, izikhalazo zabantu zigxininisa ukunqaba komsebenzi, ukucotha kwenkqubo yokubuyiswa komhlaba, ukusilela kweenkonzo ezingundoqo, ukucinezelwa kwabantu abasezilalini zinkosi nekukho kuzo ezithengisa ngomhlaba wobuzwe kubantu bezinye iindawo, nokunye nokunye.