La ngamazwi kabawo uMpolose Mangqangwana ngeyeKhala ngo2018 kwiholo yedolophu yaseKomani ezazisa kwiKomishini eyayikhangela izimvo zabantu malunga nokutshintshwa kwesolotya kumthetho olawula imihlaba kweli. Igxogxo elide laseMazangweni elikuzola ngathi alithethi kanti ligqibile ukuthetha liwushiyile umhlaba.
UMangqangwana unikezele ngobomi bakhe kumzabalazo wenkululeko yomhlaba esemncinci phantsi kombutho wePan Africanist Congress of Azania (PAC) ngenxa yezivubeko zokucinezelwa kwabantu beli lizwe.
Encokola nephephandaba I’solezwe lesiXhosa ngethuba esaphila malunga nohambo lwakhe lweminyaka engaphaya kwamashumi amahlanu ekwiPAC, uMangqangwana wathi: “Utata ebengumntu obehlala eqhankqalaza imithetho emiselwa likomkhulu nangurhulumente.
“Ngomnye unyaka akazange avume ukukhupha imali yokuthumela uKD Mathanzima esikolweni, labe ikomkhulu lisithi umzi ngamnye mawukhuphe imali,” wacacisa watsho uMangqangwana.
Iirhafu zasezilalini nokususwa kwabantu kwimihlaba yabo zezinye zezinto ezamkhuthaza ukuba angene kumzabalazo wePAC.
“Esinye seziganeko endingenakusilibala esandenza ukuba ndizibone ndingena kwiPAC, kukubethwa kwamadoda angamashumi amabini kwadilika idonga lendlu yawa phantsi kuba kwakusiliwa,” kwatsho uMangqangwana.
UMngqangwana ushiye ikhaya lakhe kuSabalele eCofimvaba esinge kwaLanga eKapa apho afike wadibana nezangxa zePAC ziphuma zingena zixelela abantu ngenkululeko yomhlaba.
“Umntu owanditsalela kwiPAC wayengezanga kum kweli holo ndandihlala kulo, koko wayehambele omnye umntu kodwa wafuna ukuba nam ndimamele, ndatsalwa yile ndawo yomhlaba kuba ndizazi iingxaki abantu abajongene nazo ngenxa yomhlaba,” kwacacisa uMangqangwana.
Abancinci nabadala kwiPAC bamteketisa ngelithi nguNgqangi, bebeqhutywa bububanzi bomsebenzi wakhe. “Ngokukhula kwam emzabalazweni, ndaye ndabanjwa kuba sasicebe ukubhukuqa uloliwe ekwakusithiwa yiBlue Train owayesuka ePitoli esiza eKapa ngo1962. Ndandikhokele apho, sinikwa imiyalelo nguNyathi Pokela,” kwatsho uMangqangwana.
Ngenxa yokubanjwa kwakhe eyinxalenye yeli linge, uMangqangwana wadontsa iminyaka elishumi elinesibhozo eRobben Island. Eli tyala latsala ngenxa yezizathu ezininzi, eziquka imeko yezopolitiko yelo xesha.
“Sancedwa kukubhubha kukaHendrik Verwoerd – ebulawa nguTsafendas – latsho lalibaziseka ityala, ubushushu bejaji behla kuba babengxamele ukusiqhawula iintloko, ngomhla weshumi elinesihlanu kweyoMnga ngo1966 ndagwetywa iminyaka elishumi elinesibhozo eRobben Island,” engcwengisa watsho uNgqangi ebalisela eli phephandaba.
“Andizange ndifunde isikolo kuba utata wayekholelwa ukuba isikolo yindawo ekumoshwa kuyo iingqondo zabantwana baseAzania, ndifundiswe ngamabanjwa ukubhala nokufunda eRobben Island,” wabalisa watsho uMangqangwana.
Ikhaya lakwaMangqangwana ibilikhaya kumadoda aquka ooSabelo Phama, Letlapa Mphahlele, Gcinikhaya Makoma namanye amajoni kaPoqo.
“UPhama ugqithe apha kwam izihlandlo ezininzi exakeke ngumsebenzi weAPLA, uGcinikhaya Makoma yena ndamalusa ukuphuma kwakhe etrongweni ndamenza indoda,” kutsho uMangqangwana.
Kuye ndithi hamba kunz’ emnyama yaseAzania, uzumxelele uSobukwe, Pokela noMlambo uthi iseyintshinyela umcimbi womhlaba eAzania. Izwelethu.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika