Mpongo: Baleka ingxolo yasezidolophini

Premier Resort Mpongo Private Game Reserve, eMacleantown

Sibhala nje kukho umfama waseLimpopo ogcuma ziintlungu esibhedlele emva kokurhuqwa yingonyama kumyezo wezilwanyana wakhe phaya. Akukacaci ukuba ebengenela ntoni kwiingonyama ezi.

Esi sehlo sisikhumbuzo sotyelelo lwethu komnye umyezo wezilwanyana okufuphi neMonti, eMpuma Koloni, iMpongo Game Reserve.

Uqhuba nje iikhilomitha ezingamashumi amathathu kuN6 ophuma eMonti osingise koomaCumakala, ube sowubona ibhodi ekukhomba khona.

NaseMpongo zikhona ke iingonyama, kwaye zilapha ekuqaleni. Zihlala ngapha kocingo olomeleleyo nelinombane ngoko ke kunganzima kakhulu ukuba ziyokufika ebantwini.

Qho ngoMgqibelo nangoLwesibini, phaya ngentsimbi yeshumi elinanye, abatyeleli babanenyhweba yokubukela ezi ngonyama zityiswa inkomo.

Ngumbono ongaqhelekanga nokwanomtsalane. Nabani na onokufuna ukuzibonela iingonyama singacebisa athi tsi xada phaya.

Xa usiva igama elingu “Game Reserve” uye ucinge ngamaxabiso axhomileyo okulala apho, ucinge ngezilo zasendle, ooronta nobuhle bendalo ngokubanzi.

Konke oku kukhona nakule, umehluko iye ibe lixabiso elifikelelekayo, ingakumbi phakathi enyakeni, nalapho lingagqithiyo kwiwaka leerandi ngobusuku.

Ngexesha leeholide siqinisekile ukuba liyonyuka kodwa. Iphantsi kodederhu lweehotele zakwaPremier. Thina sakhetha uLwesihlanu, ngeenjongo zokuvuka sibone iingonyama nezinye izilo kulo mhlaba wabo ungange 3500 weehekthare.

Sigaleleke kwasemini kukho inkomfa kwamanye amagumbi abo, sisakubhalisa siye sasiwa kwicala elaziwa njengeRiver Lodge. Kukho izakhiwo ezintathu zokulala; iHuberta, River ne-Indlovu Lodge.

Kukwakho nomzi wabucala ongu-Umthombe Bush Villa nalapho abazingeli okanye iintsapho ezinkulu zinokuzithathela, zizihlalele qelele kunabanye abantu. IRiver Lodge le besikuyo inamagumbi alishumi elinesine.

Uhamba into engangemizuzu elishumi ukuyo kufika kuyo kwakule yadi yaseMpongo. Kuthe nkcwe kwaye ibisithi sodwa ngalo Lwesihlanu besipha ngawo.

Akho mabonakude kumagumbi kodwa likhona igumbi likawonkewonke elintofontofo apho ungafunda iincwadi, ucele eso neso isiselo, ubukele nomabonakude kulo.

NeWIFI itsho kuqala kwaye isimahla. Kodwa ungakhe ufune ukuphuma kancinci kwizinto zomnatha wonxibelelwano xa ukule ndawo. Uphumze ingqondo.

Uphola apha entloko, ulibale ngeengxolo zezithuthi nabantu xa ukweli cala. Yiba nomfanekisongqondweni uvuka ujanyelwe ziinyala phambi komnyango wakho weglasi, uphunga ikofu yakho, ubuka nobuhle bendalo phambi kokuba uyokukhwela isithuthi sabo sikuse kwindawo yokutya isidlo sakusasa.

Ixesha lokuphuma yintsimbi yeshumi elinanye, ngoko ke sikhawulezise isidlo sakusasa saleqa isithuthi sabakhenkethi sentsimbi yethoba kusasa.

Esi sithuthi yiveni evulekileyo, enezitulo ezongezekileyo nenamandla okuvunguza ematyholweni – phakathi kweendidi neendidi zezilo. Kukho iindlulamthi, amaqhude, iimpala, iizebra nezinye. Apha endleleni, umqhubi nesekela lakhe, banifundisa ngezi zilwanyana.

Thina sikhethe uhambo lweeyure ezimbini kulo mhlaba waseMpongo. Luxabisa kumakhulu amahlanu eerandi kwaye kukwakho nesaphulelo sasebusika se-20%.

Sigqibelise ngokuyokubona iingonyama zityiswa pha ngentsimbi yeshumi elinanye ngoMgqibelo phambi kokuba sibe yindlela. Nakanjani sakubuya kwaye sakuhlala ixesha elongezekileyo.

Ubusuku obunye abonelanga kwaye umzimba uyadinga ukuphumla kwesa siphithiphithi nengxolo yasezidolophini.

Esikuthandileyo:

– Ikufuphi neMonti;

– Iyafikeleleka ngokwexabiso xa uyimatanisa nezinye iiGame Reserve zolu didi;

– Iziselo ezibandayo nomqwayito kuhambo lwasendle;

– Indlela ethule ngayo necoceke ngayo kunye nesihoyo sabasebenzi esihle;

– Ubuhle bendalo nezakhiwo zabo.

Esingakuthandanga:

– Ukunqaba komnatha weefowuni xa uhleli kwiRiver Lodge ethe qelele, nangona ikhona ifowuni kwigumbi lomphathi okwahlala kule lodge.

– Xa sifanisa ukutya kwabo nokwezinye iihotele zakwaPremier singathi kufuneka bonyuse umgangatho eMpongo.

– Ixesha elincinci lokutya nokusela kuhambo lwasendle. Singacebisa longezwe kwaye nabantu bakhe bahambe nje kancinci ngeenyawo.