Mtintso: ‘Ndiyanibongoza hlalani ezindlini, kuba iKhorona ayinasilumkiso’

UNozakuzaku woMzantsi Afrika eSpain uThenjiwe Mtintso
UNozakuzaku woMzantsi Afrika eSpain, uThenjiwe Mtintso, wenze isimemelelo kubantu beli lizwe esithi mabancede bahlale ezindlini, watsho esabelana ngamava wolwamvila lwentsholongwane yeKhorona.


UMtintso, obesakuba yintatheli, ushicilele umboniso eseSpain ethetha ngolwimi lwesiXhosa elumkisa uluntu ngale ntsholongwane.

NgoMvulo, umhla wamashumi amabini anesixhenxe kuTshazimpuzi, iSpain besikuma-229 422 wabantu abosulelekileyo, ababhubhileyo bekuma-23 521 logama abaphilileyo kwesi sifo bekuma-120 832.

Ilizwe laseSpain linabantu abangaphaya kwe-49 million.

UMtintso uthi okuyingozi ngeKhorona kukuba abanye abantu ababonakalisi zimpawu.

“Kukho intombazana ebisebenza phaya kwiofisi kaNozakuzaku waseMzantsi Afrika eSpain. Kwiintsuku ezilishumi bendihleli nayo entlanganisweni, xa sele kufuneka asiwe esibhedlele kwiintsuku ezintathu phambi kokuba abhubhe, emva kokubonakalisa iimpawu, kuye kwanzima – iiAmbulensi azikho neebhedi ezibhedlele zinqongophele ngenxa yale ngxaki.

“Ubhubhele ezandleni zomyeni wakhe. Intombi yakhe ibivalelwe kwenye indawo, ayikhange ikwazi ukuza kumngcwaba, umyeni wakhe naye akakhange akwazi kumngcwaba kuba evalelwe kwenye indawo ngenxa yale ntsholongwane.

“Kufike abantu bakarhulumente bathatha umzimba bayowutshisa, into abayifumeneyo ngumthuthu womfi kuphela abosapho,” utshilo uMtintso.

UMtintso uthi nabaseSpain abantu bakhe abamamela kakuhle xa kuthiwa mabahlale ezindlini.

“Ndiyeva phaya ekhaya eMzantsi Afrika abantu bamane besithi ‘hayi thina kufuneka siye emingcwabeni, emitshatweni, emigidini, ezintlombeni, ezindywaleni’. Eyona ndifuna ukuyigxininisa kukuba le ntsholongwane ayibonakalisi zimpawu.

“Into endiyitshoyo kukuba iyabhuqa le ntsholongwane kwaye ayikuniki silumkiso. Ndiyanibongoza bantu baseMzantsi Afrika, ukuba nikhe nimamele urhulumente. Masimncedise nathi urhulumente singaphumi siyabule ezitalatweni sifuna into engekhoyo.”

ESpain ukuvalwa kokuhambahamba kwabantu kuqale ngomhla weshumi elinesine kweyoKwindla, kwamane kusandiswa.

Kwaqala kwathiwa iLockdown eSpain iphela ngomhla wama-29 kweyoKwindla, yandiswa yaya kumhla weshumi elinanye kuTshazimpuzi, yandiswa yaya kumhla wamashumi amabini anesihlanu kuTshazimpuzi, ngoku kuthwa iza kuphela ngomhla wesithoba kuCanzibe.

“Mhla kwaqalwa ukuvalwa kokuhambahamba kwabantu eSpain, abantu abosulelekileyo babe yi-5 750, ababhubhileyo babeyi-136. (Kwiintsuku emva koko) kwathiwa abosulelekileyo bayi-184 984, ababhubhileyo babe beyi-19 478.

“Into ebesiyixelelwa emva kokuvalwa kweentshukumo elizweni, kukuba amanani ayehla. Ngaphambili bekubhubha amakhulu asibhozo (800) ngosuku, lehla inani labantu ababhubhayo laya kumakhulu amahlanu (500) ngosuku, laphinda laya kumakhulu amathathu (300) ngosuku,” utshilo uMtintso.